AbakwaSASSA balitshintshile ixesha lokwamkela

IMALI yesibonelelo sikarhulumente okanye ke iintlobontlobo zegranti zakwaSassa, ziza kuphuma kusengethuba kule nyanga.

Le arhente ibhengeze ukuba ukususela kule nyanga kaTshazimpuzi (April), izibonelelo zemali ziza kuhlawulwa ngosuku lwesibini enyangeni.

USASSA uthi wenze ezi nguqu emva kwesikhalo soluntu oluxhamla le mali.

Le mali yayifudula ibhatalwa ngomhla wokuqala enyangeni, kodwa uSassa waye wakutshintsha oko, wayohlula yazintsuku ezintathu kwiveki yokuqala enyangeni.

Le arhente iye iqale ihlawule abantu abadala kusuku lokuqala, ilandele ngabakhubazekileyo kolwesibini, ze igqibele ngabantwana.

“USassa ukuvile ukukhala kwenu malunga nemihla yokuhlawulwa kwesibonelelo sikarhulumente nyanga nenyanga. Ukuqala ngoEpreli, isibonelelo semali sakuhlawulwa kusuku lwesibini enyangeni,” kutsho le arhente, isithi inethemba lokuba esi sicwangciso sakusebenza.

“Ukuba olu suku lwesibini (02nd) enyangeni lungempelaveki okanye ngosuku lweholide, imali iya kuhlawulwa kusuku lokusebenza olulandelayo. Njengesiqhelo, abadala baza kuhlawulwa kuqala, kulandele abakhubazekileyo kusuku olulandelayo ze kugqibele isibonelelo sabantwana,” kutsho uSassa ngoLwesibini wale veki.