Abakwazi ukubhiyozela inkululeko engekho amanzi eRhini

Umama uXakiwe Futshane ethwele amanzi awafumene ebaleni
“Mna ndagqibela ukuxhamla kule nto yale nkululeko ngeentsuku zikaMandela!” kutsho uXakiwe Futshane (54), obehleli phambi kwebala
iMiki Yili eMakhanda (Rhini) emva kokuba umongameli Cyril Ramaphosa othule intetho yoSuku lweNkululeko phantsi komxholo ongu ‘ukubhiyozela iminyaka engama-25 yenkululeko’.
Engceni, apha ecaleni komam’ uFutshane kukho iibhotile zamanzi ezintlanu kwakunye nepakethi yokutya okuyinkukhu, isonka, ibhanana nejusi.
“Bekuthwe ke kuza kuxhelwa iinkomo ke namhlanje apha, kodwa yhi jonga sinikwe iipisi zenkukhu. Kwenzeke ntoni kweza nkomo?” utsho ehleka phambi kokuba aqhubekeke athi “ngexesha likaMandela ke ndafumana le ndlu yam apha kwaSix (ilokishi yaseMakhanda).
“Yayikokokugqibela ndifumana into kulo rhulumente. Inkululeko ayithethi nto tu kuthi bantu baseMakhanda! Sithi kuRamaphosa le nale yingxaki kwaye makalungise apha, kodwa asakujikela pha ehamba, sibuyela kundalashe. Akwenzeki kwanto!”
Umama uNolisten Lukhwe (90) oqhwalela emva komam’ uFutshane ukhwaze I’solezwe ngelithi makhe liyokubona indlu yakhe engqongwe lilindle namanzi ukusukela kweyoMnga kulo nyaka uphelileyo.
 “Kwagqabhuka umbhobho pha kwam. Ukusukela ngoko ndingumntu ozigulelayo okwanalo nephika ngoku! Ayikalungiswa le ngxaki yalo mbhobho! Siphinde sithi yinkululeko leyo?”
Phambi kokuba sidibane noomama aba siye saphulaphula intetho kaMongameli Ramaphosa ayivule ngokusikhumbuza ngeengqwele ezasishiya nelifa lenkululeko.
“Le nkululeko siyifumene kuNkosi Ndlambe kunye neqhawe uMakhanda kaNxele; idela-kufa, igqirha nomprofethi owakhokela imfazwe eyohlula amajoni amaNgesi eGazini,” kutsho uRamaphosa phambi kokuba aqhabalake ongeze amagama ooRobert Sobukwe,  Sarah Baartman, Steve Biko, Winnie Madikizela-Mandela, Albertina Sisulu, Oliver Tambo, Walter Sisulu, Chris Hani, Charlotte Maxeke, Nelson Mandela namanye amatshantliziyo aseMpuma Koloni alwela le nkululeko.
“Ngalo mhla, kwiminyaka engamashumi amabini anesihlanu edlulileyo, saqala izwe elitsha njengabemi beli; izwe elilawulwa ngobulingani, umanyano, ukungacalucaluli ngokohlanga kwakunye nokungacalucaluli ngokwesini.”
Ngomhla wama-27 kuTshazimpuzi 1994, uMongameli Ramaphosa wayefole nabasebenzimgodini abangama10 000 baseKloof Gold eWestonaria, bonke benemincili yokuvota.
Emva kweminyaka engama-25 kwangalo mhla ucele abemi beli ukuba bakhe baphengulule uhambo lokulungisa ububi bamandulo kweli, “ukuze noko sibe nako ukukwazi ukubuyekeza isidima sabantu bakuthi emva kweminyaka yengcinezelo.”
Emveni koko umongameli uqhabalake wakhaba ulawulo lwengcinezelo lwamandulo ekwacacisa ukuba kwagululwa izidima noluntu oluntsundu ngoko. Ukwathe uyayazi imeko yamahlwempu nezinhanha kweli, ekwancoma ukuba kuzanyiwe ukuphuhlisa intlalo yabantu. Ukwathe nangona kunjalo, uMzantsi Afrika awukwazi ukuthi ukhululekile “kusekho abantu abaphila neemfuno.”
“Asikwazi ukuba sisizwe esithi sikhululekile ngelo xesha kusekho uninzi oluphila lungenakutya kwaneleyo, olungenazindawo zokuhlala, abangafikelelekiyo kwiinkonzo zempilo ezisemgangathweni nabangenandlela yokwenza imali. 
“Asikwazi ukuba sisizwe esikhululekileyo kusekho abahlali abafana naba balapha eMakhanda abaphile ixesha elide neengxaki zamanzi acocekileyo. Asikwazi ukuthi sikhululekile kusekho nabo barhwaphiliza iimali ebekumele ukuba zilungiselela amahlwempu kweli,” kutsho umongameli phambi kokuba avale ngamazwi akhuthaza abantu ukuba bayokuvota ngomhla wesibhozo kuCanzibe kwaye baqhube nokusebenzisana kolu hambo lenkululeko.
Uthe asakugqiba zaqala ezoyolo; ooButho Vuthela nooNathi Mankayi bakhwela eqongeni. 
Abanye abahlali bona baye bava ukuba kukho iitrakhi ezimbini eziphisa ngeebhotile zamanzi emva kwebala. Iye yanguloo mngcelele; abantu befolele amanzi.
Kule minyaka siphuma kuyo oko iMakhanda intyumpantyumpeka kwiingxaki zembalela; kude kuphele iintsuku abahlali bengenalo nethontsi eli lamanzi.