Abalali buhlayo eDutywa besoyika ama-Big10

Abahlali belali yaseThaleni eDutywa, abasalali buthongo buhlayo ngenxa yeqela loonqevu elibizwa ngokuba yi“Big10” nelidlwengula abasetyhini ingakumbi abadala.


Oku kuvele ngexesha inkonzo yesipolisa isindleke imbizo yokulwa ulwaphulo mthetho ngoLwesihlanu.

Kule mbizo, inkonzo yesipolisa inike ithuba abahlali ukuba bachaze imiceli-mngeni abajongene nayo, kodwa khange kubekho nomnye othethe nge”Big10”.

Abahlali bathethile ngokudlwengulwa nokuxhonyiswa kwabo ngemipu ngorhatya eThaleni, kodwa abachaza ukuba yenziwa ngoobani lo nto ngenxa yoloyiko.


Ithe isaqhuba iMbizo, kwakhona umhlali othile osikwrecele bucala wasixelela ukuba zixhaphakile nyani iziganeko zokudlwengulwa kwabantu nangona kungabanjwa mntu kuzo.

Uthe kukho iqela loonqevu elibizwa ngokuba yi”Big10” eligqiba uluntu lwaseThaleni kwaye wonke umntu uyaloyika.


“Ziintwana ezilishumi zeelali ezohlukeneyo kunye nezalapha  elalini ezidlwengula abantu abadala.”

“Zikhohlakele kakhulu, kuba ziyakwazi ukuwangenela ezindlini amaxhegwazana ziwagqogqe, zifuna imali yawo yenkam-nkam,” utshilo lo mhlali ungafunanga lichazwe igama lakhe.


Ukuze asinde amaxhegwazana kuthiwa ngorhatya kufuneka alale ngaphantsi kweegadi xa erholile, kuba abatsotsi bakhaba amacango.

Uthi abangamaxhoba wale “Big10” bayaya uyokuchazela amapolisa aseDutywa, kodwa kungabanjwa mntu.


“Umzi ohlala owasetyhini eyedwa ngowona ubalixhoba, kuba abatsotsi bafika rhoqo ngexesha lenkam-nkam apho bezokuthatha imali, emva koko badlwengule,” utshilo lo mhlali.


Abatsotsi kuthiwa badume ngokudlwengula, ukukhuthuza kwaye bayadubula babulale.


Rhoqo ngeempela-veki kusoloko kukho abantu abachazwa njengamaxhoba wabo.

Xa beyokwenza ulwaphulo mthetho, abatsotsi kuthiwa bababathandathu okanye babelishumi, bahambe ngemoto logama ngezinye imini behamba nangenyawo.

Ukuqala kwabo ukugqugqisa abatsotsi kunyaka ophelileyo kwabanjwa omnye wabo ngabahlali belali iShixini kwalapha eDutywa waxhaxwa wabhubha.

Emva kokuba kwenzeka lonto babuye ngamandla kulo nyaka sele bedubula bebulala kwaye badlwengule.


Omnye umhlali obethetha kule mbizo, uMziwabantu Plaatjie, uthe bacela oku kwesikhululo samapolisa esihambayo ukuze iphele le nto yokukhuthuzwa kwabo ngootsotsi.

UPlaatjie uthi isikhululo samapolisa saseDutywa sikude kakhulu kwilali yabo, nto leyo eyenza kube lula ukuba ngamaxhoba wootsotsi.


Umkomishinala waMapolisa kweli phondo, uL.t uNjengele uLiziwe Ntshinga, uthe ngokwenene zixhaphakile iziganeko zokudlwengulwa kwabasetyhini abadala kunye namantombazana asakhulayo.

UNjengele Ntshinga uthi kwilali yaseThaleni ixhaphakile into yokuxuthwa kwemali yenkam-nkam yabantu abadala emva koko babulawe, kodwa ukwathe bakhona abophuli -mthetho esele bebanjiwe malunga nezo ziganeko.

Wongeza wathi ezinye basaziphanda kwaye bazakuqinisekisa ukuba bayabanjwa abo bachazelekayo, kwindaba yesikhululo samapolisa esihambayo uvumile ukuba bazakusifakela kungekudala.


Ukwacele nolutsha ukuba liyeke ukuhamba iindawo zeentselo ebusuku kwaye abahlali bancedisane ukulwa ulwaphulo mthetho, kuba abatsotsi bagacela leemizi ihlala oomama bodwa.