Abambe izinyoka amapolisa eMthatha

Intambo zombane ezifunyenwe ziqhawulwe zanqunqwa kwilali Maxwele eBhongweni eMthatha. Umfanekiso: Sinikelo Goqweni

UQIKELELWA ku-R100 000 unomakalo owenziwe ngabarhanelwa ababanjwe ngoLwesithathu neentambo zombane ezibiweyo kwilali iMaxwele eBhongweni eMthatha. Amadoda amane abanjwe ngamapolisa kamasipala iKing Sabata Dalindyebo eMthatha, emva kokufunyanwa neentambo zombane ezinqunqiweyo

Lo masipala iKSD udize ukuba umrhanelwa wesihlanu uphuncule wabaleka ngethuba kufika amapolisa. Ukwa velise ukuba aba barhanelwa bebesebenzisa izixhobo zokusika intsimbi ekwenzeni lo mkhuba, kwaye akwafumene isithuthi esiluhlobo lweVan ekukholeleka ukuba besisetyenziselelwa ngabarhanelwa ukuthutha ezintambo. 

Amapolisa akholekwa kwelokuba lo mzi afumene kuwo ezintambo ubusetyenziswa ukuzigcina ngaphambi kokuzihambisa kwiindawo ebezithengiswa kuzo.

Ukubiwa kweentambo zombane isengumceli mngeni omkhulu, oshiya abahlawuli benkonzo nabahlali baseKSD nakwiindawo eziyingqongileyo besebumnyameni.

Kwezinyanga zimbalwa zidlulileyo sele uqhawulwe amatyeli ngamatyeli umbane eMthatha kuquka iziko lombane elikufuphi neyunivesithi iWalter Sisulu.

Igosa lonxibelelano kumasipala iKSD, uSonwabo Mampoza uthi ziyothusa iziganeko ezinje nanjengoko umasipala ezama ukuzinzisa umbane kule ngingqi. “Sele iyinto eyenziwa isiqhelo ukuqhawulwa kwentambo zombane ngamasela. Sibulela abantu abakwazileyo ukuzoxela ngaphambili kwabanjwa abarhanelwa. Le ngxaki yenye yezinto ezinikwa ingqwalasela ngusodolophu walo masipala uDumani Zozo,” Utshilo uMampoza. 

Ukwabongoze uluntu ukuba lithathe uxanduva ngezinto zikarhulumente ezizisa iinkonzo kwakubo.

Abarhanelwa banikezelwe kumapolisa aseMthatha. Isithethi samapolisa eMthatha uKapteni Dineo Koena uchaze ukuba bobane baseluvalelweni, kwaye kulindeleke ukuba bavele kwiinkundla zamatyala.