Abancedisa ezikolweni baqumbele isebe

NGETHUBA befumana ithuba lomsebenzi wokuncedisa ezikolweni njengee-Education Assistants (EAs) neeGeneral Assistants (GAs) bebefuna ukutshintsha imeko kumakhaya abo kwaye bagxothe nekati eziko, kodwa oku kube liphupha nje kuba khange bahlawulwe imivuzo.

Enye yee-EAs ezincokolele I’solezwe lesiXhosa ithi bifuna iKrisimesi ingafani nakuqala ekhaya nanjengoko ibilindele umvuzo wayo, kodwa kwatshona amalanga ijong’ enkalweni.

Le EA engafunanga ukunkqangazwa ngegama ithi kususela ngenyanga yeNkanga bethenjiswa ngamangomso angapheliyo. Ithi kunzima imali yokukhwela neyokuthenga okusiwa phantsi kwempumlo.

“Ikontrakthi yayisithi ngempelanyanga kaNovemba kodwa asarhola. Kwathiwa phambi kowesihlanu kuDisemba, babuya bathi nge9, ayangena imali. Bathi masijonge i14, de savala ezikolweni ingangenanga. Bathi nge17 eyayingoLwesihlanu kodwa ayangena, baze bathi nge24 nalapho sajonga sancama. Ngowe30 bathi iza kungena ezikolweni nge5 kaJanyuwari kodwa kwangena eshotayo,” kubalisa le EA.

Uthi oku kungena kwemali eshotayo kwabangela bangakwazi kuhlawuleka.

“Kwathiwa asizokwazi ukubhatalwa kuba ayaziwa okokuba ingenele bani imali baza kubuza kuDD, nam andimazi ngubani lo DD,” kutsho le EA.

Aba bancedisi (EAs neeGAs) bancedisa ootitshala kwimisebenzi eliqela yesikolo.

“Mninzi umsebenzi esiwenzileyo kodwa eminye imisebenzi siza kuyiva xa kuvulwa izikolo,” kutsho le EA.

Uthi ukungabhatalwa kwabo kwenza ubomi babo nzima.

“Kunzima kakhulu ngokuba singabanye siqale singenayo nale yokuthenga impahla ebukekayo, umntu ebeziphathela ukutya. Kubuhlungu ukuphangela ungapeyi ngokuba ayikukhuthazi ekwenzeni umsebenzi ngomdla.”

Ithi le EA biba buhlungu xa kumane kukhutshwa iintsuku ngeentsuku zokurhola kodwa kungarholwa.

“Sifuna [iSebe] lisinike iimpendulo, lisixelele okokuba imali yethu iza kungena nini kwaye maliqinisekise into yokuba aba bantu basebenzayo [ekubhataleni iimali] bayawenza umsebenzi kakuhle. Thina sizinikele kumsebenzi esiwenzayo kodwa lona [isebe] lenza enye into,” kuthetha le EA ivakala ihluphekile.

Sibuze uMali Mtima ongumlomo weSebe lezeMfundo eMpuma Koloni ngezi zityholo. Uvumile ukuba kunezikolo ezibhatalwe imali eninzi ngelixa iye yancinci kwezinye.

“Nge30 kaDisemba siye sabhatala imali ezikolweni, siye safumanisa ukuba kukho izikolo ezibhatalwe kakhulu nezibhatalwe kancinci. Bambalwa abantwana abaseleyo, basuka kwizikolo ezinguSection 20 nezikolo zabakhubazekileyo,” kutsho uMtima.

Uthi le ngxaki ibangele kunqunyanyiswe emsebenzini amagosa eSebe amathathu.

Uthi abo bangabhatelwanga kulindeleke babhatalwe ingaphelanga le nyanga.