Abangaboniyo baza kuxhamla kwithala laseDimbaza

UMphathiswa wezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe ngethuba evula ngokusesikweni ithala leencwadi laseDimbaza. UMFANEKISO: ANDILE NDUNA

NgoLwesibini weveki ephelileyo, uMphathiswa weSebe leMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko (DSRAC) eMpuma Koloni, uNonceba Kontsiwe, unikise ngokusesikweni ngethala leencwadi kuluntu lwaseDimbaza. Ukuphendula kwisicelo seBraille and Print Institute eMpuma Koloni, eli thala leencwadi ngoku linengqokelela yeencwadi zabantu abangaboniyo.

Kuthiwa ngaphambili, abantu abangaboniyo ababefuna ukusebenzisa ithala leencwadi bebesiwa eQonce kanye ngeveki. Ukongeza, ithala leencwadi kulindeleke ukuba lincede izikolo ezikufutshane kwaye likhuthaze ukusetyenziswa rhoqo kwethala leencwadi eluntwini.

Umphathiswa uye wathetha ngenzuzo yokubanethala leencwadi lasekuhlaleni. “Izikolo ezilapha zonke zizokuxhamla. Nilisebenzise eli thala leencwadi. Sizokunikhuthaza ukuba nifunde. Sifuna isizwe esifundileyo, sifuna ukusuka kwesasi gaba kuthiwa kukho abantu abangafundanga. Sifuna abantu abakwazi ukufunda, ngomso abantu balapha ingakumbi abaselula sifuna ukuthi xa sibiza ecaleni kwegama lakho kubekho into ethi Gqirha.”

Abazali bacelwe nguMphathiswa ukuba bakhuthaze abantwana babo abanqwenela ukufunda. Ukwacele ukuba bakhuthaze abantwana abangafuniyo ukufunda ukuba bathathe incwadi. Wathi ukufunda akuphelelanga nje kubantwana kuphela; kunokonwatyelwa nangabantu abadala.

“Ukufunda kunceda ukulola ingqondo isebenze. Okwa kufunda kuyasinceda bantu abadala ngokuba eli thala leencwadi alenzelwanga abantwana bodwa, ngokuba nezethu iingqondo ziyafuna ukulolwa. Nibeka iingxaki phambili ude ulibale impilo yakho. Kufuneka siwasebenzise la mathala eencwadi ngakumbi eli,” utshilo uKontsiwe.

UYolani Rhongwana ongumfundi webanga leshumi eRichard Varha High School wabelane ngomdla wakhe wokubanethala leencwadi lasekuhlaleni. “Mna ndiziva ndonwabe kakhulu. Intliziyo yam idada emafutheni ngalo mzuzu. Sizotsho sikwazi ukwenza imisebenzi yesikolo apha, amanqaku ethu esikolweni anyuke sipase, sivuyise nootitshala bethu, sonwabise abazali bethu, nathi sibe nebhongo, sibe namakamva aqaqambileyo. Ndiyabulela kakhulu.”

Usuku lokuhlonipha uLwimi lweNkobe lweHlabathi lube ngomhla wokuvula eli thala leencwadi.