Abangcwabi bafuna iAfrika emanyeneyo nokuxhoma umgangatho

UTshepiso Mosime (FAFA), uGqr. Edward Gomba (AFASA), uMinki Rasenyalo (DOVES), uLehloma Ramajoe (SETA) noMbasa Voyi (SAFPA)UMFANEKISO: SIYANDA JANTJIES

UTendai Matanga walukhangela waluncama uncedo lokuthutha umzimba womntakwabo onguVanhukwavo Kuka, awuse eZimbabwe, esuka eMzantsi Afrika.

Wayesokoliswa ngamaxabiso okuthutha umzimba, ubunzima bemiqathango kunye neempepha-mvume zokugqitha imida yeli. Wade wancedwa ngabakwaMakinana, eMonti.

Eli bali kunye namanye zezinye zezinto ebekuzanywa ukuziqubula kwinkomfa yabangcwabi ebibanjwe ekuqaleni kwale veki eMonti; iququzelwe ngumbutho iSouth African Funeral Practitioners Association (SAFPA) kwaye izinyaswe ngamalungu neendwendwe ezingama-582. Bambi besuka kumazwe aseAfrika aquka iBotswana, Kenya, Zimbabwe, Lesotho, Namibia, Swaziland neMelika.

“Ihambe kakuhle le nkomfa. Sabelane ngezinto eziquka ukuthobela imithetho yokugcinwa kwemizimba eMzantsi Afrika. Ngokomzekelo akekho umngcwabi onelungelo lokubethisa abantu imali yombutho abe engagunyaziswanga ziinkampani ezinelungelo lokugcina imali. Sikwangene nakumxholo wokusebenzisa ubuchwepheshe obutsha nangokusebenzisana ngoogxa bethu kwi-Afrika jikelele,” kutsho uMbasa Voyi, ongumcebisi kwisigqeba seSAFPA kuzwelonke.

Naye umongameli wombutho wabangcwabi be-Afrika, uEdward Gomba, uphefumle wenjenje: “Sizama ukuba nefuthe kwimithetho engqonge abangcwabi, sikwafuna nokubona umgangatho oxhomileyo kumsebenzi wethu kwaye kule nkomfa sifumane ithuba lokuba siphefumlelane ngamacebo okusebenzisana kwi-Afrika jikelele. Xa kukho imingeni efana namaxabiso axhomileyo nobunzima ekugqitheni imida yamanye amazwe xa kuthuthwa imizimba zezinye zezinto ekufuneka siziqubule.”

Uqhube wathi, kubalulekile ukuba abantu baqeqeshwe ngokufanelekileyo kushishino lwabangcwabi ukuze bayazi imithetho, bathethe ngazwi linye bebonke.

ICandelo leMfundo noGunyaziso loQeqesho (SETA) nalo lisebenzisana nalo mfela-ndawonye wabangcwabi baseMzantsi Afrika ekugunyaziseni izikolo nasekuqeqesheni abangcwabi abafanelekileyo.

“Abantu bayakwazi ukufumana iziqinisekiso ezingqina ukuba banegunya lokusebenza njengabangcwabi. Umntu uzakufunda aphume ne ‘Funeral Services Practice’ ekwinqanaba likaLevel 3, 4 no-5.” – Lehloma Ramajoe, umphathi kule Services SETA.

Urhulumente naye sele etyale izigidi ezili-157 zeerandi ezizakuya ekuqeqesheni abangena kwizifundo zabangcwabi.

Enye yeendawo esele inalo igunya lokuqeqesha abangcwabi, yiFuneral Academy for Africa (FAFA) ekho kuMzantsi Afrika-jikelele.

UMinki Rasenyalo, oyingqonyela kwaDoves nelungu lebhodi kwaFAFA, uthethe wenjenje: “Abanye abangcwabi baye bonqene ukuthumela abasebenzi kuqeqesho, kuba becinga ukuba kuyaxabisa ukwenza oko. Kanti, zikhona izibonelelo zikaRhulumente eziphantsi kwale Services SETA.”

Uqhube wathi okaRasenyalo: “Umntu usuke avuke ecinga ukuba ukuvula ikhaya labangcwabi yinto apha elula kanti ayikho njalo. NgoFAFA sizama ngandlela zonke ukuba abantu balandele imiqathango efanelekileyo. Kuyaxabisa ukuqala ikhaya labangcwabi, yiyo lo nto ufumanisa ukuba kukho abathatha undlela-lula kubelapho kwehla umgangatho.”

Eyona nto bayifunayo kukuqinisekisa ukuba abantu abangabangcwabi banezakhono ezifanelekileyo kwaye neentsapho zifumana iinkonzo ezikumgangatho oxhomileyo.

Kukwakho nezicwangciso zokuseka iofisi yeOmbudsman yabangcwabi ukuze abo basebenzisa ezi nkonzo babenayo indawo yokufaka izikhalazo zabo.