Abangcwabi baphefumlelana ngamacebo okukhulisa ishishini labo

Umboniso weebhokisi nezinye iimveliso ezisetyenziswa ngabangcwabi, eICC eMonti namhlanje Umfanekiso: Siyanda Jantjies

Abanini bamashishini okungcwaba badibene eMonti kwinkomfa yaminyaka le ejolise ekusombululeni iingxaki ezijamelene neli shishini kuquka neendlela zokulikhulisa.

Le nkomfa, eqale ngeCawe nekulindeleke ukuba iphele ngoLwesibini, iququzelelwe ngumbutho iSouth African Funeral Practitioners Association (SAFPA) kwaye izinyaswe ngamazwe aseAfrika aquka iBotswana, Kenya, Zimbabwe, Lesotho, Namibia, Swaziland neMelika.

UMbasa Voyi, ongumcebisi kwisigqeba seSAFPA kuzwelonke, uthi kule nkomfa babelana ngamacebiso okukhulisa eli shishini.

“Zininzi izinto ezifanele zaziwe ngabangcwabi, kuquka nemiqathango efanele ukulandelwa xa ngokomzekelo umngcwabi waseMzantsi Afrika eyokulanda umzimba womntu oswelekileyo kwelinye ilizwe.

“Ezinye izinto esabelana ngazo ziquka ukuthobela umthetho woMzantsi Afrika, ngokumayelana nokugcinwa kwemizimba. Ngokomzekelo akekho umngcwabi onelungelo lokubethisa abantu imali yombutho abe engagunyaziswanga ziinkampani ezinelungelo lokugcina imali. Futhi awukwazi ukugcina umzimba womntu kwisikhenkcezisi, ube ungasifumenanga isigunyaziso kumasipala walo ndawo,” kutsho uVoyi.

Ngokuhlwa kulindeleke ukuba uNkosazana Dlamini-Zuma abe sisithethi esibekekileyo kwisidlo sale nkomfa. 

Ngomso bayayisonga le nkqubo.