Abangcwabi bavule isikolo soqeqesho

UMZI wabangcwabi iNomatye Funerals ityhile kwelinye ikhasi kulo nyaka. AbakwaNomatye bagqibe kwelokuthabatha umsebenzi wokungcwaba bawuse kwigumbi lokufundela.

Lo mzi wabangcwabi, nosele unento engaphaya kweshumi usebenza, ukhethe ukubhinqela phezulu, waze wavula isikolo sokuqeqesha abangcwabi. UDaphney Nomatye-Mbewana, nongumlawuli weNomatye ukholelwa kwelokuba lifikile ixesha lokuba abangcwabi bazixhobise ngoqeqesho lokuphucula imizi yabangcwabi.

UMbewana uthi emva kokungcwaba iminyaka eliqela babone umsantsa omkhulu kwiqonga labangcwabi, kwaye kungekho banikezi boqeqesho baqonda ukuba bathabathe elo thuba.

Uthi kubathathe iminyaka emithathu ukuqulunqa le nkqubo yokuvula esi sikolo sokuqeqesha abangcwabi.

INomatye Institute – igama lesi sikolo sabangcwabi – sesokuqala soluhlobo ngqa.

Kule veki, iNomatye ibambisene neServices Seta, baqeqeshe iqela labangcwabi ukuze baliphathe ngobunono, ngolwazi nangentlonipho ishishini lokungcwaba.

Kolu qeqesho luzayo, iNomatye izakufundisa abangcwabi ngezinto ezohlukeneyo, ukusuka kuqhagamshelwano namalungu, ukuzithengisa, ukubala, ukuphatha iinkonzo zokungcwaba, ukuphatha iintsalela zalowo ungasekhoyo njalo njalo.

AbeServices Seta nabebeyinxalenye yolu qeqesho, bathembise ngokufaka isandla kwesi sikolo. Abo baqeqeshwe yiNomatye Institute, iServices Seta izakubathi jize ngeziqinisekiso ezingqina uqeqesho.