Abaninzi bafundile kuGade

OOTITSHALA besikolo iMcithwa JSS eNgcingwane eDutywa baFundile kuGade, nosele elilungu lepalamente eBhisho phantsi kweANC, wenzelwe itheko lokumbulela ngegalelo lakhe kwezemfundo.

UGade owaziwa ngelikaBlacks ubeyinqununu into engapha kweshumi elinesihlanu kwesi sikolo.

Inqununu engene ezihlangwini zikaGade, uLandezwa Cawe uthi, yena ufunde lukhulu kuGade esithi nangona ebengumntu obesoloko esiya kwiindibano zephondo angabikho ixesha esikolweni ebengathi akufika sibe senze isigqibo sento ethile afike atshintshe izinto akubuya, endaweni yoko ebencoma xa isisgqibo esihle okanye acebise.

“Ungulo mntu ungenokuvuma ukuba ahambe esikolweni kodwa ngenxa yokuba kufuneka umntu ekhulile azijonge nakwelinye icala. Ukungena kwam endaweni yakhe akukhange kubenzima kum kunyaka ophelileyo kuba ndincance lukhulu kuye ndisecaleni kwakhe ixesha elide. Ebethandwa nangabantwana, ebengabambi into yokuba ndiphethe ebefikeleleka,” utshilo uCawe.

UGade kwindlela yakhe ade azokufika kwisikhundla akuso namhlanje akusanga sele epha uthi uqale phantsi naye njengabanye, uqale njengokuba ngusihlalo wephondo kumbutho wootitshala iSADTU ephondweni, walilunguu leSACP ephondweni ukanti walilo nelungu lombutho olawulayo iANC ephondweni, ukanti zibeliqela izikhundla ebekuzo phambi kokuba afungiswe njengelungu lepalamente kundlunkulu elijongene nezemfundo.

“Kubekuninzi endikufundileyo ngaphakathi esikolweni kule minyaka ingapha kwamashumi amabini anesihlanu ndayichithileyo nekuquka isikolo saseMbelo phambi kokuba ndiyokuba yinqununu eMcithwa, ukusebenzisa izixhobo zikarhulumente ngaphakathi ezikolweni, ukusombulula iingxaki ezijongene nabantwana bethu nagaphakathi kuba xa ingabafundi bam bayafana nokuba siyabazala nathi, ukusebenzisana namanye amasebe karhulumente ngoku ungaphakathi nako kubonakalise ukubaluleka nokubonisa ukuba awuzilungisi wedwa iingxaki zohlukumezo lwabantwana, indlala kwakunye nokukhulelwa kwabantwana beselula, ezo zinto zilungiswa ngokuba ubambisane namanye amasebe,”utshilo uGade.

abongile.ginya@inl.co.za