Ngamadoda amane (4) aseMonti abanjiweyo ngoLwesibini kule veki emva kokuba ethe afunyanwa enezinto ezibiweyo kuwo.
La madoda naphakathi kweminyaka eyi30 ngokuzalwa ukuya ku35, abhaqwe eyuruza iMonti ngemoto eluhlobo lweAvanza nekuvakala ukuba nayo le Avanza yabiwa eHout Bay eKapa kwiPhondo laseNtshona Koloni.
Ngokwengxelo ephuma kuCaptain Hazel Mqala ithi, amaPolisa alandelele kumkhondo abawuvileyo owokuba kuneAvanza esetyenziswayo ukuphanga kwanokuqhekeza amashishini aseMonti.
UMqala uthi, ngenene ekulandeleleni kwawo amaPolisa kumkhondo, le Avanza iye yafunyanwa eAmalinda inabarhanelwa abane (4) ngaphakathi kuyo. Ekugqogqeni kuye kwafunyanwa imipu emithathu (3) engenazimpepha, iimpahla ezibiwe kumashishini kwakunye neAvanza leyo.
Sithetha nje, abarhanelwa (4) baseluvalelweni nabalindeleke ukuba bavele phambi kweNkundla yamaTyala kungekudala malunga nezityolo abatyatyekwa zona. Baza kuvela edolophini eMonti.
Imizimba yamajoni oMzantsi Afrika abhubhele eDRC kulindeleke ukuba ifike