Abantsundu abahambisani nokungcwaba omnye phez’ukomnye

UMFANEKISO: Elugcinweni lwe-Independent Media

EKAPA: NGENXA yokunqongophala komhlaba wokungcwaba, iintsapho zabo balele ukuthula zizakuba neminyaka emihlanu zivumelekile ukundwendwela ze emva koko isixeko singcwabe omnye umntu ngaphezulu.

Isixeko sikuthethe kwingxelo ebesiyichaza kwabo bamele amalungelo amasiko nezenkolo, Commission for Promotion and Protection of  Religious, Cultural and Linguistic Communities (CRL) eCape Sun Hotel izolo.

Sixinwa ngemibuzo yiCRL ukuba sinabe, sichaze unobangela woku nanjengoko kuchasene nenkolo yakwantu, uVincent Botto umlawuli wesixeko kwiRecreation and Parks uthe: “Sinomceli mngeni omkhulu wokuphelelwa ngumhlaba wokungcwaba.”

USusan Brice omele ezamangcwaba kwisixeko uthe banamangcwaba angama-40 eKapa kwaye kushiyeke iminyaka emihlanu kuphele indawo yokungcwaba. Uthe eGugulethu kwagcwala kwango 2005.

“Ilungu losapho lungcwatywa ngaphezu komnye ukuba ngaba ingcwaba linzulu ngokwaneleyo. Kungcwatywa abantu ababini okanye abathathu engcwabeni.”

Uthe ukuba usapho lufuna ukungaphazanyiswa maluthenge umhlaba xa kukho osele engcwatyiwe.

“Kangangendlela axinene ngayo amangcwaba, abantu bahamba phezu kwamanye xa besiya kwawabo. Ngoku iintsapho zizakuvunyelwa iminyaka emihlanu ukundwendwela abo bangasekhoyo. Ukuba akukho lungu losapho oluza kubhubha kwesosithuba, isixeko sizakusebenzisa elongcwaba kungcwatywe omnye umntu,” utshilo uBrice.

Umlawuli wombutho olwela amalungelo amasiko nezithethe, IBuyambo, uDizu Plaatjies uthe oku kuchasene nenkolo yakwantu. “Sibaxabise kakhulu abafileyo ngoba kulapho sifumana khona intlahla. Zange umntu wabekwa phezu komnye. Xa usiya kunqula uzakuthi unqula kubani. Le nto ibonakalisa ukuba asihoyekanga singabantu abamnyama,” utshilo.

Ukanti no Adonis Sihiba wakwaLanga ungqinelene no Plaatjies esithi ngenene abamelwane bakhe bayakhala kuba kukho ibhokisi evelileyo emva kokuba umntwana wangcwatywa phezu komama kulonyaka uphelileyo.

“Nabo babengafuni ngoba ayihambisani nesiko lakwantu lo nto. Ntonje babethwa kukunqongophala komhlaba kwanyanzeleka bavume. Kungokunje kufuneka kuphinde

kukhutshwe ezo bhokisi ze kugrunjwe. Khawufane ubena lo mbono,” utshilo.

Injongo zale ngxelo ibikukuphanda izikhalazo malunga nokungahlonitshwa kwabantu ababhubhayo nokunyhashwa kwelungelo lokubatyelela.

michael.nkalane@inl.co.za