AbaNtsundu bokuqala ukuhlohla isiXhosa kwiiYunivesithi zeli lizwe

UProf. D.D.T Jabavu

UDavidson Don Tengo Jabavu wayeyinkulu kaJohn Tengo Jabavu owaziwa ngokuseka iphephandaba lokuqala labaNtsundu, ekuthiwa Imvo ZabaNtsundu. UDavidson D.T. Jabavu wazalwa ngowe1885, isiduko sakhe yayinguJili, iNtlangwini.

Wathi wafunda eLovedale eDikeni naseMorija kwelabeSuthu, nto leyo yamnceda ukuba isiSuthu asazi ngaphezu kokuba esazi isiXhosa esi sakowabo.

Uyise wenza uvunduvundwana elabhengezwa kanobomi kumaphephandaba ezo mini ngokuzama ukuba unyana wakhe afunde kwiKholeji yaseDale, isikolo sodumo sabaMhlophe saseQonce, waza wathi uyise akungaphumeleli ukuba angene apho ngenxa yocalucalulo lobuhlanga wamthumela kwelamaNgesi apho athe waphumelela imatriki, wazuza nesidanga seBA yeYunivesithi yaseBurmingham.

Wathi ngeli xa aseLondon waqhuba italente yengoma, eyamenza wangumdlali wepiyano nevayolini ochubekileyo. Waphinda wangumbhexeshi wekwayala ovunyiweyo.

Ukubuya kwakhe ube ngomnye westafu seKholeji entsha yabaNtsundu kuMzantsi Afrika eyaziwa njengeYunivesithi yaseFort Hare namhlanje. Usebenze ukusuka kowe1916 wade wazibeka phantsi iintambo ngowe1945. Waqala njengetitshala yeKholeji waphetha seleyiProfesa yeelwimi zakwaNtu.

UProf. Archibald Campbell Jordan

UProf. A.C. Jordan wazalelwa kuTsolo kwilali yaseMbokothwana ngowe1906. Isiduko sakhe nguZengele, uThiyane.

Wafunda amabanga aseprayimari eMbokothwane, eSt Cuthberts Primary School. Umke waya eLovedale, eDikeni apho apase isiqinisekiso seJC. Emva koko wenza izifundo zobutitshala eSt John’s College, eMthatha.

Usuke apho waya kufunda imatriki eFort Hare, wazipasa ngowe1930. Emva koko wapasa iTeachers Diploma ngowe1932 kwakwaNokholeji. Ngowe1934 wafumana isidanga seBA eFort Hare. Ngowe1942 wafumana isidanga seMA kwiYunivesithi yaseKapa, apho izifundo zakhe zazigxile kuphando ngokuphinyiselwa kwezandi negrama yolwimi lwesiBhaca, ulwimi olukuluhlu lwesiTekela.

Ngowe1957 wafunda isidanga sePhD kwiUniversity of Cape Town, apho uphando lwakhe lwalubalasele ekuphinyiselweni kwezandi zesiXhosa negrama yesiXhosa.

Waqala ukusebenza njengetitshala eKroonstad High School eFreyistata. Emva koko waqeshwa ngowe1944 waba ngumhlohli kwiCandelo lesiNtu eFort Hare, engena endaweni kaProf. D.D.T. Jabavu owayefumene umhlalaphantsi. Ngowe1946 waqeshwa njengomhlohli wesiXhosa yiYunivesithi yaseKapa eyayiyeyabeLungu bodwa ngelo xesha. Uhleli apho iminyaka eli16 ehlohla khona isiXhosa.

Ngowe1961 wafumana iCarnegie Grant yokuba atyelele iiyunivesithi neekholeji zaseMelika, kodwa walelwa ipasipoti ngurhulumente woMzantsi Afrika.

Waphuma ngemvume ekuthiwa yi-exit permit, waza waya kuwa eLondon, eBritane. Ngowe1962 waya kuhlohla isiXhosa eMelika eUniversity of California, eLos Angeles apho wanikwa ibakala lobuprofesa. Usweleke eMelika ngowe1968 sele ehlohla eUniversity of Wisconsin, eMadison.

UMnu. Robert Mangaliso Sobukwe

UMnu. Robert Mangaliso Sobukwe wazalelwa eRhafu ngomhla wesi5 Disemba 1924. Isiduko sikaMnu. Sobukwe nguMfene, uHlathi, uLisa, uJambase.

UMnu. Robert Mangaliso Sobukwe wafundela ubutitshala eNxukhwebe, eHealdtown eBhofolo. Emva koko waya kufunda isidanga seBA eFort Hare apho wayebalasele kulwimi lwesiXhosa, isiNgesi neNative Administration.

Ukususela ngowe1954 ukuya kowe1960 waqeshwa njengomhlohli ongesosigxina eUniversity of Witwatersrand kwicandelo leAfrican Studies, apho wayekwafunda khona isidanga seBA Hons .

Indima kaMnu Robert Mangaliso Sobukwe ekuphuhliseni ulwimi lwakowabo isiXhosa siyifumana kwincwadi kaOpland, J. noMtuze, ethi, “Izwi Labantu”. Babhala bathi: “Eyona ngqokelela ipheleleyo yamaqhina yenziwa nguR.M. Sobukwe kwithisisi yakhe awathi wayinikezela kwiUniversity of the Witwatersrand ngowe1958 ekwathi kuyo kwahlelwa ama382 aza apapashwa ngowe1971 kwijenali iAfrican Studies “authorized by the Minister of Justice of the Republic of South Africa under reference MJ. 21 dated 5 November, 1968”.

USobukwe wayenguMncedisi kwiiLwimi zesiNtu kwiSebe leeLwimi zesiNtu kule Yunivesithi ukususela kowe1954 ukuya kowe1960. Waziwa jikelele njengomseki wePAC.

Nanga amanye kumaqhina awawaqokelelayo: Ndinamntu wam; undim – Ngumfanekiso wam. Ndinamntu wam; uye athethe, athi umntu nguzipeqe kanti akamazi -Ligqirha. Ndinamntu wam; uthi akufikelwa lundwendwe, alile – Liliso Ndinahashe lam; lithi lakuphuma, ndingalibambanga, lindifake ezinkathazweni – Lulwimi .”

UMnu. Ben E.N. Mahlasela

UBenjamin Ezra Nuttal Mahlasela wazalelwa eBholotwa eDutywa ngowe1897. Inkosikazi yakhe uLinda yayiyintombi yaseMpukane eNgqamakhe kaMfundisi uC.J Mvambo weCawe yaseWisile.

UB.E.N. Mahlasela wabhubhela eRhini xa wayesethekweni lakhe lombuliso lokuthi ndlelantle ngomsebenzi wakhe omhle njengomhlohli kwiSebe leeLwimi zesiNtu ngomhla wesi5 Disemba 1975. Wangcwatyelwa ekhayeni lakhe eBholotwa. Isiduko sakhe nguZotsho, uDlamba, uDlula.

Wakhe wangutitshala eClarkebury, eMgwali eNgcobo, kubafundi abaphuma kwizandla zakhe kukho uGqr. Nelson Rolihlahla Mandela.

UBen Mahlasela waba ngumhlohli wokuqala oNtsundu wesiXhosa kwiSebe leeLwimi zesiNtu eRhodes University. IsiXhosa ngaphambili sasihlohlwa ngabeLungu.

Iinjongo zabeLungu zokufunda nokufundisa isiXhosa ngaphambili yayikukutolika iLizwi likaThixo nokufundisa abantu iBhayibhile ngesiXhosa khon’ukuze abantu baguquke babengamakholwa.

Kuthe ngethuba lokuphatha koRhulumente wocalulo wamaBhulu saqalisa isiXhosa safundiswa kwiiyunivesithi zoMzantsi Afrika kodwa sihlohlwa ngabantu ngabeLungu. Ingabo ke oomanqanqa neeProfesa zesiXhosa.

Ukumka kwakhe eRhodes wayokuvula isikolo seprayimari eRhini njengenqununu.