Abantu ababezika noThandi baweliswe nguMadiba

Isikhephe esinguThandi ozike kwindlela esuka kwisiqithi iRobben Island. Abakhweli bakhutshelwe kuMadiba.
Kapa: Baphume bengenawo nomkrwelo abantu abangamashumi asibhozo anesithandathu ebebekwisikhephe esisuka kwisiqithi iRobben Island, kulandela ukuzika kwaso sisendleleni esingise kwizibuko eliseWaterfront.
 Ingxelo yomsebenzi ongafunanga kudizwa ngagama ithi  bekukhona ingxaki yobuxhakaxhaka kwisikhephe uThandi kwaye besingafanelanga ukuba sisetyenzisiwe.
Iingxelo zidiza ukuba isikhephe uMadiba besikufutshane saze sakhawuleza sanika uncedo, nalapho abantu ebebengaphakathi kuThandi baweliselwe ngokukhuselekileyo kuMadiba. 
Abahlanguli elwandle beNSRA abasuka eTable Bay naseHout Bay bayokunika uncedo kwabo baseWaterfront ze kwafika amapolisa, amagosa onyango lokuqala kwanabokhuselo nokhuseleko kwisixeko seKapa.
Othethela amagosa ohlangulo nomlilo uTheo Layne uthi, “Amagosa ohlangulo nomlilo kwisixeko seKapa abiziwe esiqithini kanye nje phambi kwentsimbi yesithathu ukuba  ayokuncedisa amapolisa kwanamagosa ohlangulo elwandle, ekuhlanguleni abantu ebebekwisikhephe esizikayo. 
Bonke abantu ebebengaphakathi basiwe kwesinye isikhephe ngokukhuselekileyo kwaye mnye kuphela umntu obalekiselwe esibhedlele ngenxa yomothuko.”
Iingxelo ezingaqinisekiswanga zithi besikhutshiwe isilumkiso sesimo sezulu esingesihle kwaye nesikhephe esi besisaziwa ukuba sinengxaki yobuxhakaxhaka besingafanelanga kukhwelisa abantu.
 Akukavakali ukuba ngubani ozakuthatha uxanduva lwale ngozi.