Imali yezibonelelo zeR350 (COVID-19 SRD grant) yandiswa de kube yinyanga yoKwindla ka2023, oku kwakusemva kokuba uMongameli Cyril Ramaphosa ethethe kuBume beSizwe kweyoMdumba.
Abafumana le nkxasomali bekuyalelwe ukuba baphinde bafake izicelo njengoko bekulindeleke ukuba bahlawulwe phantsi kwenkqubo entsha yowisomthetho. Esi sikhokelo sitsha sibone inani elimangalisayo lezicelo ezaliweyo xa kuthelekiswa nokukhutshwa kwangaphambili. Nangona kunjalo, iSebe loPhuhliso loLuntu (i-DSD) lipapashe imigaqo elungisiweyo eza kubona izicelo zabantu abaninzi zivunywa.
“Isebe liceba ukwandisa owona mvuzo uphezulu uvumelekileyo ukusuka kwiR350 ukuya kwiR624. Kubalulekile ukucacisa ukuba uvavanyo luza kuqhutywa qho ngenyanga, kwaye ukuba ingeniso efunyenwe kwiakhawunti kwinyanga ethile iwela ngaphantsi kweR624, umfakisicelo uya kufaneleka ukufumana isibonelelo,” sitshilo isilungiso esicetywayo seSebe.
KweyeSilimela bekukho izicelo ezizigidi ezili-11.4 kwaye kwavunywa kuphela abantu abazizigidi eziyi5.2. Eli zinga liphantsi lolwamkelo lichaphazela iDSD kunye neArhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika (SASSA).
Ezinye izilungiso ziquka ukususa imfuneko yokuba abafakizicelo babonise ukuba bayasifuna na isibonelelo emva kweenyanga ezintathu. Akuyomfuneko oko ngoba izicelo zivavanywa rhoqo ngenyanga. Kananjalo baya kuyisusa inkqubo yoqinisekiso lwebhanki njengeyona ndlela iphambili yokumisela ukufaneleka kwesi sibonelelo.
UMphathiswa woPhuhliso loLuntu uLindiwe Zulu uthe: “Sisenemingeni kwezinye iintlawulo apho abanye abafake izicelo bengasiniki iinkcukacha zabo zebhanki. Sikhuthaza bonke abafake izicelo ukuba basinike iinkcukacha zabo zebhanki ezichanekileyo ukuze sikwazi ukwenza lula ukuhlawula kwabo esisibonelelo.”
Esi sibonelelo sisaxabisa amaR350. ISebe likhumbuze abafakizicelo ukuba bangafaka isibheno qho ngenyanga xa bengavunywanga. ISASSA ayisajongani nezibheno, kodwa bangafaka isibheno kwiNkundla yamaTyala yeziBheno kwiwebhusayithi entsha: https://srd.dsd.gov.za.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10