Abantu abayi-4 000 bosuleleke yiKhorona ngeentsuku ezimbini!

NOXA nje uMongameli Cyril Ramaphosa ebhengeze ukuba ilizwe liza kungena kwibakala lokuqala (Level 1) lokuvalwa kweentshukumo elizweni ngenxa yentsholongwane yeKhorona, izehlo zolosuleleko zithe gqolo ukubikwa elizweni.

Kwezi ntsuku zimbini (Lwesithathu noLwesine) zidlulileyo, ngabantu abayi-4 051 abathe babikwa njengabosuleleke yile ntsholongwane. Kwakhona, kwakwezi ntsuku zimbini, abantu abalikhulu elinamashumi amathathu ananye (131) bathe babikwa njengababhubhe ngenxa yale ntsholongwane.

NgoLwesine kubikwe ukuba abantu abosuleleke yintsholongwane yekhorona bangama-2 128, ze ababhubhileyo babangamashumi amathandathu anesixhenxe (67). NgoLwesithathu kubikwe ukuba abantu abosuleleke yintsholongwane yeKhorona bayi-1 923, ze ababhubhileyo babangamashumi amathandathu anesine (64).

URamaphosa ulumkise uluntu ngoLwesithathu ukuba luthi gqolo ukuthobela imithetho yokukhusela intsholongwane yeKhorona.

Kusenjalo, uMphathiswa weNtsebenziswano kuRhulumento neMicimbi yeeNkosi, uGqirha Nkosazana Dlamini-Zuma, ngoLwesihlanu ukwayalele uluntu ukuba luthi gqolo ukunxiba iimaski, esithi intsholongwane yeKhorona ayikapheli.

UDlamini-Zuma ukwathe, phantsi kukaLevel 1 izinto ezifana nemilindo, imijuxuzo kwiiNight Clubs, ukubukelwa kwezemidlalo kwanesiko lolwaluko zisavaliwe, kodwa watsho ukuba baza kungena kwiingxoxo neenkosi malunga neli siko.