Abantu abayi-43 eMpuma Koloni babanjelwe ukunganxibi iimaskhi esidlangalaleni

NGABANTU abangamashumi amane anesithathu (43) abathe babanjwa ngamapolisa aseMpuma Koloni, kule veki siyishiya ngasemva, ngenxa yokunganxibi imaskhi esidlangalaleni.

Isithethi samapolisa uKapteni Khaya Tonjeni uthi oku kubanjwa kwaba bantu, kuyinxalenye nephulo lokuqinisekisa ukhuseleko lwabantu ngexesha leziyunguma, kuquka nokunyanzeliswa kwemithetho yokuvalwa kweentshukumo elizweni.

UTonjeni uthi la mashumi amane anesithathu abanjelwe ukunganxibi maskhi kwenziwe ngethuba aba bantu bebesala ukuthobela umyalelo wabezomthetho wokuba banxibe imaskhi. Abanye kubo babanjwe ngethuba bebonwa esidlangalaleni benganxibanga iimaskhi.

UMongameli Cyril Ramaphosa uthi sisinyanzeliso ukuba wonke umntu anxibe imaskhi xa esesidlangalaleni.

“Umntu ongayinxibiyo imaskhi egquma impumlo nomlomo xa esesidlangalaleni, wophula umthetho. Umntu ongayinxibiyo imaskhi angabanjwa ze atshutshiswe. Xa ethe wagwetywa, angadliwa (imali) okanye avalelwe ixesha elingadlulanga kwiinyanga ezintandathu, okanye zombini (umdliwo nokuvalelwa),” kutsho uRamaphosa.

Bebonke abantu abathe babanjwa kule veki siyishiya ngasemva, bangamakhulu asibhozo anamashumi amathathu anesihlanu (835). Amatyala wabo aquka ukubulala, ukubetha, ukuphanga, imipu neembumbulu ezingekho semthethweni, ukutyeshela imithetho yezendlela kwanokuyabula esitalatweni ngexesha elingavunyelwanga.

Bonke abarhanelwa baza kuthi bavele kwiinkundla zephondo ngokwahlukana kwazo.