Abantu babhenela koosiyazi!

Bangaphezu kwamashumi asibhozo ekhulwini abemi beli loMzantsi Afrika abasebenzisa amachiza oko kwenzeka nangona kusekho abantu abawajongela phantsi la machiza.

Kusekho ingxoxo-mpikiswano enkulu nekhokelwa ngamagqhobhoka malunga nokuba ingaba kumele abantu abakunyango lwesilungu bawasebenzise na amachiza esiNtu kusini.

Kusekho abo bathi imixube yamayeza esiNtu anokudodobalisa umguli ngakumbi kunyango alufumanayo. Into esikhathazayo singabanyangi besiNtu kukuba abona bantu bakhokela le ngxoxo -mpikiswano ngabo bamhlophe ngebala nabangenalwazi lubheke phi ngentsukaphi yethu ekusebenziseni amachiza esiNtu. Ingaba kukho okufihlwayo kule nyewe?

Impendulo thina banyangi besiNtu sinayo kuba siyazi mhlophe okokuba amachiza esilungu enziwe ngemithi yesiNtu ekroqiweyo neyeyasiwa kumathala odidiyelo mayeza ukuze alungele ukuthengiswa

ziinkampani eziphambili apha ehlabathini. Oku sikubonile kusenzeka kwisityalo esibizwa ukuba likhala nelithathwa kweli loMdibaniso ukusiwa kumazwe angaphandle ukuyokwenza imixube eliqela yemithi yesilungu. Ingaba sikhona isizathu esicacayo sokugatywa kwale mithi yesiNtu? Akungeze wasifumana isizathu esicacileyo kodwa thina banyangi besiNtu siyazi ukuba oku kubangelwa lushishino olugqubayo kwimveliso yamayeza.

Umzantsi Afrika uphala

emva ngokunakekela imveliso

yamachiza esiNtu. Umbutho

weZizwe eziManyeneyo

ngesetyana lawo eliyi-World Health Organisation (WHO) uyithathela ingqalelo into yokuba kwi-Afrika amachiza esiNtu abaluleke kakhulu kwaye aluncedo ekuphuculeni izinga lezempilo kwabo bawasebenzisayo. Eli qumrhu lide labekela bucala usuku olukhethekileyo ukubhiyozela amachiza esiNtu kwihlabathi jikelele.

Abanyangi besiNtu kweli loMdibaniso bakhala ngokuba urhulemente weli akanamgaqo-nqubo awubekileyo ukukhusela amachiza esiNtu ekubeni abe yinxalenye yamayeza afumanaka ezi khemesti. Isikhalo sikwakho ekubeni ukuba iBhunga elibekelwe ukugxininisa nokuphanda amachiza kweli i- Medical research Council inemiqathango ebangela ukuba kubenzima kubanyangi besiNtu ukuza phambili nemixube yabo yamayeza kuba besoyikisela ukuthi ingasetyenziswa gwenxa okanye baphulukane nayo iyokuveliswa ngabo bapokotho zifumileyo.

Abanyangi besiNtu bamemelela ukusekwa kwebhodi eza kuqwalasela oku nekuza kuba yiyo eza kuyila imiqathango ekufanele ilandelwe ngabanyangi besiNtu abanemixube yamayeza abangathandi ukuba ibe kuluhlu lwamayeza athengiswayo ezikhemisti. Le bhodi iza kuba yiyo neza kuvavanya yona le

mithi ukuqinisekisa ukuba ayinabungozi eluntwini. Abanyangi besiNtu bafuna ukuba le bhodi ibe nguzimele geqe kuleyo egxininisa amachiza esilungu. Oku kubangelwa kukuba abayangi besiNtu bathi ibhunga elikhoyo ngoku lithatha icala labo bavelisa imithi yesilungu.

Kanti abanyangi besiNtu bakwafuna ukuba urhulumente amisele izibhedlele zesiNtu nalapho kuza kubonelelwa

izigulana ngonyango lwesiNtu kwakunye namachiza alungele

oko. Abanyangi besiNtu

bakholelwa ukuthi

urhulumente

wethu anagafunda lukhulu kumazwe afana neChina, iRussia

neJamani nekungawo aphala phambili ekukhuthazeni imithi yesiNtu.

La mazwe ade anezibhedlele ezijongene noku kwaye zisebenza ngokubambisana noogqirha besilungu kwaye akukho ngquzulwano kuhlobo abanyanga ngalo izigulana zabo. Okunye kukuba nombutho obizwa njengokuba yi-International Standard Organisation (ISO) uncedisana nala mazwe ukuqinekisa ukuba amanye amazwe awasebenzisi gwenxa amachiza aphuma kula mazwe abandakanyekayo.

Umzekelo ngelinye la mabali aphambili kukuba isityalo esibizwa ukuba yi-Ginseng nesiveliswa eChina sigcweleihlabathi lonke kwaye

sikwasetyenziswa kumachiza amaninzi azizakha-mzimba

kwaye ilizwe laseChina

lifumana ingeniso emandla ngalo kwaye liyakhankanywa njengezinye zezinto eziphala phambili kwingeniso yelizwe lonke laseChina liphela (Growth

Domestic Product).

Abanyangi bathi nalapha kweli loMzantsi Afrika le nto inako ukwenzeka kwaye urhulumente wethu ukuba unokuyinika ingqalelo kuninzi okunozuzwa kwaye kunganqanda nokusebenzisa gwenxa amachiza ethu.

UMzantsi Afrika uphala phambili ngokuvelisa ikhala njengesityalo esiluncedo nesiphambili ehlabathini kumabakala amaninzi empilo. Xa ilizwe lethu linokuqiqa lingenza ingeniso enkulu nangesi sityalo, nesinabileyo kweli loMdibaniso.