Kukho le vidiyo ijikeleza kumnatha wonxibelelwano apho kubuzwa ixhego elithile kwilali ethile ukuba lizakuvotela bani? Impendulo yeli xhego ithi “umkhonto nevili! kwakuthiwa masivotele umkhonto nevili kwaye ndizakuvotela wona!” Xa esithi kwakuthiwe ubhekisa pha kulonyulo luka-1994 apho sasiqala ukuvota singabantsundu kweli. Usayibambe apho umadala. Asimgxeki kodwa kukhe kwathi qatha umbuzo wokuba, inokuba abantu xa beyokuvota bavota njani? Beqhutywa yintoni?
Ewe, bakhona abo baqhutywa ngumsindo nokungoneliseki ngumbutho othile, bagqibe kwelokuba bazakuvotela omnye umbutho. Kubekho abavota beqhutywa kukuzinikezela kwabo kumbutho lowo okanye mhlawumbi bavota kuba bengamalungu alo mbutho.
Kule mpelaveki siphuma kuyo imibutho ibiphume yonke; owe-ANC ubuseMpuma Koloni ukhokelwa nguMongameli Zuma ngokwakhe, owe-PAC ubulapha eMpuma Koloni, owe-COPE nawo ubulapha eMpuma Koloni, owe-EFF nawo ubusendleleni, nowe-IFP koomaLimpopo, nowe-AGANG nawo uzibonakalisile kule mpela veki usithi usekhona njengombutho wabantu. Asinokuyilibala i-UDM, DA ne-AZAPO – nayo le mibutho ibiphume iyokukhumbuza abantu ukuba bangalibali ukuvotela yona. Mininzi le mibutho kwaye ukuba awuzazi ukuba uzakuvotela bani – ingathi ngowukhe uziphe ithuba lokufunda imiqulu yezithembiso yayo.
Ukanti uMongameli Zuma ugagene nexhewukazi elikhwele lizehlela kuye kweli Monti xeshikweni engene kwimizi ngemizi. Eli xhewukazi lakwaSamente livakalise ukungoneliseki kwalo yinkqubo yeANC, laphawula nakumzi waseNkandla xeshikweni bona bantu bavotayo behlala ebugxwayibeni. Amkhathaze kakhulu umongameli amazwi alo makhulu kangangokuba ucele oomelwane nooceba ukuba bathethe naye ahle umsindo. Yiveki yokugqibela le phambi kokuba sivote; ingathi le mibutho ngeyiqinisa, imamele abantu.
Ngama-332 iintsuku zobumnyama ku2023