Umasipala ombaxa iBuffalo City (BCM) uvale iivenkile ezilishumi elinesibini eNorth End, eMonti kwiveki ephelileyo njengenxalenye yephulo lokuqinisekisa ukuba iindawo ezithengisa ukutya zithobele imithetho.
Iimoto ezintandathu ziye zarhuqwa zaza ezinye zahlawuliswa iR7540 ngenxa yokungabikho kumgangatho wokuba sendleleni, ulwaphulo-mthetho lwendlela kwakunye neempepha-mvume ngokokutsho kwesithethi salo masipala uSamkelo Ngwenya.
UNgwenya uthi umasipala uthimbe amayeza kwiivenkile ezisixhenxe axabisa iR34 000, kuquka namayeza adinga ummiselo.
Umasipala ombaxa ulumkisa abantu ukuba balumke xa bethenga amayeza, ingakumbi amayeza adinga ummiselo kwiivenkile zaselokishini njengoko oku kunokuba neziphumo ezibi.
“Umasipala ombaxa uyayazi ukuba bakhona abantu abakhe babhubha ngenxa yokutya ukutya weevenkile zaselokishini kwiindawo ezithile zelizwe.
“Ezi ndawo zithengisa ukutya ziye zavalwa ngenxa yokungabinazatifiketi zokwamkeleka, iilayisensi zeshishini, iizatifiketi zokuthobela umlilo, impahla ephelelwe lixesha kwakunye neemeko ezingacocekanga,” utshilo uNgwenya.
Ukongeza, abemi ababini bamazwe angaphandle baye bahlawuliswa iR2500.
Lo masipala uthe bazakuqinisa amaphulo aqhubayo ajolise ezidolophini, ezilokishini nasezilalini ngeenjongo zokuqinisekisa ukuba bayayiphelisa imikhwa engekho mthethweni yokuthengisela uluntu ukutya okungakhuselekanga.
“Iivenkile zaselokishini kufuneka zihlangabezane nemigangatho ethile yezempilo kunye neemfuno zikamasipala. Kungumbono kamasipala ombaxa ukuba zonke iivenkile zaselokishini ezingayithobeliyo le mithetho zizakuvalwa ngokusemthethweni, ngelixa zizokwenza ulungiso olufanelekileyo,” utshilo uNgwenya.
UNgwenya uqhube wathi, “Uluntu alugunyaziswanga ngumthetho ukuba luqhube ugqogqo kuzo zonke iindawo ezithengisa ukutya kweli loMzantsi Afrika. Umasipala unoxanduva lokukhusela abathengi kunye nabanini beevenkile ukuqinisekisa ukukhula koqoqosho oluluqilima kwiindawo esihlala kuzo.”
UMasipala ukwakhuthaze ooceba neenkokheli zemveli ukuba bakhokele kwaye banxibelelane neenkonzo zempilo zikamasipala ngazo naziphi na iimveliso zokutya ezikrokrelekayo kwiindawo abahlala kuzo.
UHugo Broos uzityanda igila ngokudlalisa uVeli Mothwa izolo