Abantu esizalwa nabo!

Kulo nyaka uphelileyo sakhe sathetha ngoba abantu abasondeleyo kuthi asibaxabisi njengabo bakude kuthi. Uba kutheni nam andazi, mhlawumbi ngenye imini ndizokhe ndicele abafundi beli phepha uba bakhe bandibhalele bandixelele uba inoba lo nto ibangelwa yintoni.

Ingaba mhlawumbi ziingxaki esinazo zokungaboni ngasonye silusapho, okanye zizinto ezingapha kwamandla ethu? Zinto zini khona ezo?

Kule mpelaveki sisuka kuyo ndikhe ndenza ixesha nosapho lwam, abantakwethu nodadethu. Kwafika into endakhe ndayiva ethi, thina bantu basebenza ngabantu singamachule ukufa xa siphethe imicimbi yangaphandle, kodwa sisilele kwabo sizalwa nabo.

Ekuhlaleni kwam nosapho kuye kwenzeka izinto ezininzi kakhulu. Njengoba sikhula nje siya sisohluka mpela kubantu ebesingabo. Mhlawumbi ke nangenxa yeendawo esikuzo nabantu esihlala nabo njalo njalo.

Into endiyifundileyo kukuba, kuthi bantu bangazalwa bodwa emakhaya inye into engasinceda; kukukhathalelana. Ngakumbi uba wena ungulo ukwazi ukwenza izinto zenzeke okanye lo unentsebenzo. Kweminye imizi kuyakwazi ukuba abantwana bonke babesezindaweni, babenemisebenzi.

Kweminye ufumanise uba mnye lo usemsebenzini osisigxina. Lithiwa ndim, akhonto unokuze uyenze iphumelele, abo uzalwa nabo ungabaxhasi. Ndiyayazi uba zininzi izinto neemeko ezibangela ukuba abantu abazalwa kunye babe kanti xa kunamhlanje abathethisani.

Nalapho, imeko enjalo ayonwabisi kwaye ixhomekeke kubantu abo babandakanyekayo ukwenza izinto ngendlela eyiyo. Izinto ezibangela intlupheko amaxesha amaninzi kuthi bantu bamnyama zizinto njeee ezilula, izinto ezifana nendlela esiphila ngayo. Indlela owenza ngayo izinto inegaleleo kakhulu kumntu ophela usibanguye.

Ewe, abantu esizalwa nabo basivisa kabuhlungu, kodwa lo nto ayithi masibakhalale. Wayedla ngokuthi omnye umhlobo wam ongasekhoyo ‘umntu akalahlwa esaphila’. Ezinye zezinto eziye zatyhileka kum kukuba; uba ungumntu onoxanduva labantu ozalwa nabo inye into ongabanceda nongazinceda ngayo wena, kukubancedisa ukuphucula iimpilo zabo ngezakhono abazidingayo.

Umntu kufuneka enze izinto ezimbini ukuze azimele; aye esikolweni okanye afune umsebenzi azenzele imali. Ngoba, uba awubancedisi kwenye yezo, uyakuhlala ungumthombo wemali naphakade.

Okwesibini, noba abantu esibathandayo (esizalwa nabo nabantwana bethu) singabathanda kangakanani soze sibaphilele. Sele umntu elunyukiswe ngezinto zonke ngandlela zonke, iimpazamo zona usezakuzenza. Ndicinga uba nabo kunyanzelekile bedlule kwimicelimngeni ethile ukuze bakhule babenobulumko.

Ayikho lula ke le ndiyayazi, ndiyazela apha kum. Okuya umntu umbonisa, kokuya efuna ukuzivela. Okubalulekileyo kukuba singatyhafi, futhi singabanyanzelisi ngezinto ezithile kuba thina sesilumkile kodwa sibaxelele izinto ezizizo umntu azikhethele.

Imandi ke into yokuba umntu abhatyaze ebomini ngezinto ebexelelwe ngazo kunoba uzisole sekungekho nto unokuyenza. Xa sele uzazi uba indima yakho uyidlalile, ubanoxolo ngaphakathi kungabikho nokuzisola.

Indivisa kamandi nento yoba athi umntu enze izinto zakhe zokungamameli abuyele kuwe sele ezisola futhi ezazi uba uyibhude phi.

Ndinayo into ethi impumelelo yethu ikwindlela ekuyiyo emva emakhayeni ethu. Abantu abaphuma kumakhaya ovanayo namanyeneyo, badla ngokuphila ubomi obumandi.

Lo nto indenze ndicinge uba, abantu abayingxaki ekuhlaleni ngabantu abanengxaki emakhayeni abo.

Xa wonwabe kowenu, ingayintoni ebangela ufike wenze ingxaki emsebenzini, eskolweni, naphi na apho uhamba khona? Ayidingi Rhulumente ke le, ifuna thina sithi ‘kwanele’ sitsho sisenza into ngalo nto.

Masikhulisane!

Ngeenkcukacha: 079 284 1757, katomnoku@gmail.com