Abantwana ababini badutyulwe babhubha eLibode

Abantwana ababini abaminyaka ilishumi elinesithandathu (16) neshumi elinesibhozo (18) ubudala, intwazana nomfana, badutyulwe babhubha eMarubeni, eLibode ngempelaveki yomhla wama-29 kweyeSilimela 2024 phakathi kwentsimbi yesibini ukuya kweyesibhozo kusasa.

Ngokwengxelo yamapolisa, kutyholwa ukuba umfana oneminyaka eli-18 ubudala wafowunela le ntwazana eneminyaka eli-16 ubudala, engumfundi kwisikolo samabanga aphakamileyo iVictor Poto, malunga nentsimbi ye-02:10.

Malunga nentsimbi ye-05:30, umzimba wale ntwazana wafunyanwa unamanxeba okudutyulwa kumzimba ongasentla udunduluze kwichibi legazi.

“Malunga nentsimbi ye-08:30, umzimba walo mfana oneminyaka eli-18 ubudala wafunyanwa unamanxeba eembumbulu kumzimba ongasentla nongezantsi. Isizathu sokubulawa kwaba bantwana asaziwa okwangoku kwaye siyinxalenye yophando,” sitshilo isithethi samapolisa uCaptain Welile Matyolo.

Amapolisa acela nabani na onolwazi olunokukhokelela ekubanjweni kwabenzi bobubi ukuba aqhagamshelane nomntu ophanda eli tyala uDetective Warrant Officer Mthimba kule nombolo 0714752181 okanye iCrime Stop kule nombolo 08600 10111 okanye athumele iinkcukacha kuMySAPS App. Abafowunayo banokuhlala bengaziwa, kwaye izazisi zabo ziya kuhlala ziyimfihlo.