Abantwana abanakutya emva

kokulahleka kwe-R100 000

Inkqubo yokutyiswa kwabantwana kwisikolo samabanga aphantsi iNtlambela eSajonisi iphazamisekile emva kokuduka kwemali eqikelelwa kwikhulu lamawaka eerandi.

Isebe lezemfundo kwisithili iLibode sele lizifumene iitsheki ekutyholwa ukuba zisetyenziswe kubuqhopholo bokubhuncula isikolo samabanga aphantsi i-Ntlambela eSajonisi imali elinganiselwa kwikhulu lamawaka erandi (R100 000) neqatshelwe ngethuba kuyokhutshwa imali yokuhlawulela ukutya kwabafundi obekuthathwe kwivenkile ezinze eTombo.

Ngokwengxelo le mali iduke kanye ngethuba incwadi ekhupha iitsheki zesikolo ibihlala kumhloli wesithili semfundo eLibode.

Ingxelo ithi amagosa esi sithili ebetyelele eNtlambela ngolwesithathu wale veki ngeliyokudibana neziphatha mandla zesikolo ngelikhangela umkhomba ndlela nekulapho kuvunyelwene ngazwinye ukuba kuyofunwa ezinye itsheke kwinqununu ebifudula iphethe uNtombomzi Notununu nezifunyenwe kuye.

Ingxelo yelinye lamagosa asondele kulawulo lwesikolo nelingavumanga kuchazwa lidize ukuba esi sikolo ngenyanga yomqungu kulo nyaka sangenelwa sisixa esiyi-R64 000 kwimali eshiyeke kunyaka ophelileyo.

Ukanti kwinyanga ka-Epreli kungene imali elinganiselwa kwi-R94 000 ebibekelwe bucala inkqubo yokutyisa abafundi nekuyinxalenye ephele emehlweni.Kusenjalo emva kwesi siganeko kuxa kutshintshwe abantu abatyikitya imali yesikolo ebhankini. Umhloli ekutyholwa ukuba ubegcine incwadi yokukhupha imali ubetyelele kwesi sikolo ngolwesihlanu weveki ephelileyo eyohlala phantsi nabalawuli besikolo kodwa zange ihlale intlanganiso emva kokungavumelani ngemiba ethile. Inkqubo yotyiso lwabafundi isaphazamisekile eNtlambela.

U-Nolusapho Magotshane olisekela sihlalo kwibhunga elilawula isikolo uthi abalawuli kwisebe bayamkele ingxelo yezezimali baze bathi makuziswe incwadi ebonakalisa inkcitho esele yenziwe kuthelekiswe neenkcukacha zebhanki ukususela kunyaka ophelileyo. “Obunye ubuqhophololo esele buvelile kukutyikitywa kwetsheke ngomgunyathi kuthiwe kuhlawulelwe iinkonzo ezithile kodwa abanikezeli bez inkonzo bathi abazani nayo lo ntlawulo kuba sele bahlawulwa bagqitywa kudala nto leyo ibonakalisa ibango lokuhlawulwa kabini nelibubuvuvu,” utshilo uMagotshane.

Lo sekela sihlalo ukwathi ukuba abancedakali kwisigaba sesithili bazosingisa kundlunkulu wephondo eBisho ukuba ingenelele ukukhangela le mali. Isithethi sesebe lezemfundo ephondweni uMali Mtima ubesaphica iinkcukacha ngethuba sifuna aphefumle ngesi sityholo sorhwaphilizo.