Abantwana babemi bamazwe angaphandle abangenamaphepha baza kwamkelwa ezikolweni

Abazali nabagcini babantwana abangabemi bamanye amazwe abangenawo amaphepha asemthethweni kunye nabantwana babo abadingi naluphi na uhlobo lwesazisi phambi kokuba bamkelwe kwizikolo zaseMzantsi Afrika. Umfanekiso: Ayanda Ndamane / Independent Newspapers

Abantwana babemi bamazwe angaphandle abangenawo amaphepha asemthethweni abasayi kufunwa ukuba baveze naluphi na uhlobo lwesazisi phambi kokuba babhalisele ukufunda kuso nasiphi na isikolo eMzantsi Afrika.

ISebe leMfundo esiSiseko (DBE) lixelele amagosa alo ukuba abazali abangabemi bamazwe angaphandle nabagcini babantwana abangenawo amaphepha mabavunyelwe babhalise abantwana babo ezikolweni phambi kokuqala konyaka wokufundo ka2025 baze babhalisele iimviwo zematriki nokuba abanawo amaxwebhu afunekayo.

UMlawuli Jikelele weMfundo esiSiseko, uMathanzima Mweli, uvakalise ukuba iSebe lifumene izikhalazo ezivela kwimibutho yoluntu zokuba abafundi abavunyelwanga ukuba bangeniswe ezikolweni okanye baye bathintelwe ekubhaliseni nasekubhaleni iimviwo zokuphela konyaka zika2024 zebakala leshumi elinesibini (NSC) ngenxa yokusilela kwabo, phakathi kwezinye izinto, ukuvelisa isazisi okanye isatifikethi sokuzalwa okanye, kwimeko yabafundi bangaphandle, iphepha-mvume labafuna indawo yokukhosela.

UMweli uthe ngokungathandabuzekiyo ukuba abafundi abangenawo amaphepha abanakuthintelwa ekubhaliseni nasekubhaleni iimviwo zeNSC.

Ukongeza, uthe Umalusi, ibhunga likarhulumente eliqinisekisa umgangatho wemfundo, naye ungqinile ukuba isazisi asinyanzeleki xa kukhutshwa isatifikethi seNSC.

“Ubume bomgaqo-nkqubo kaUmalusi bucaciswe kule nkcazo: ‘Nokuba banamaphepha okanye abanawo, bonke abafundi ababhalisiweyo baya kuzifumana izatifikethi zabo ukuba bayazanelisa iimfuno zesiqinisekiso.

“Ngamafutshane, isazisi asiyomfuneko xa kukhutshwa isatifikethi’,” uMweli utshilo exelela iintloko zamasebe emfundo ephondo, amacandelo olawulo lwephondo, abalawuli bezithili, imibutho yamabhunga olawulo ezikolo, umbutho kazwelonke wezikolo ezizimeleyo iNational Alliance of Independent Schools Association (Naisa) neenqununu zezikolo.

Uthe kwiimeko apho iDBE namasebe emfundo amaphondo angenisa iinkcukacha zabafundi esebenzisa amagama abo nomhla wokuzalwa, abafundi abalolu hlobo abayi kwaliwe (okanye balelwa ukufikelela kwisatifikethi sabo seNSC) ukuba akukho zazisi zingenisiweyo.

“Onke amagosa emfundo ngoku ayalelwa ukuba azikhwebule kuwo nawaphi na amanyathelo okanye imiyalezo enokukhokelela ekubeni abafundi abangenawo amaphepha bangamkelwa ezikolweni, okanye bayeke isikolo okanye bangazibhali iimviwo zabo zeNSC ngenxa yengcinga yokuba abayi kusifumana isatifikethi sabo seNSC,” utshilo uMweli, ebongoza ukuba okubhalwe kule setyhula yangomhla we5 kweyoMnga 2024, makwabelwane ngayo nawo onke amagosa ephondo, ezithili nawesekethe kwakunye neenqununu zezikolo.

Funda ngakumbi malunga noku kwi-IOL.