Abantwana bafunda ukwakha izixhobo zomculo eKapa

Ulutsha olufumene uqeqesho ekudlaleni izixhobo zomculo behleli noAndrea Dondolo noMadosini eKhayelitsha

Umququzeleli weMadosini Indigeniuos Music Legacy, uAndrea Dondolo, uthi angathanda ukuba inikwe ixesha elongezelelweyo ukuba iqhube iprojekthi yokufundisa abantwana ukwenza nokusebenzisa izixhobo zomculo.

“Le ibiyi projekthi yokuvavanya ijonge nefuthe ezakuba nalo ebantwaneni nasekuhlaleni. Ngumnqweno wam ke ukuba ikhule kuba umdla ukhona kwaye mna andiyiboni njengomlungelelaninisi kuphela koko njengeziko ekunokufunyanwa kulo ulwazi”.

Le projekthi ifundisa abantwana ukukwakha izixhobo zomculo ezifana noHadi kwanoMrhubhe bekwafundiswa nokuzisebenzisa.

Iqale kwinyanga yeDwarha nyakenye kwaye uninzi lwabantwana abafundiswayo ngabafundi kwisikolo samabanga aphakamileyo iChris Hani eKhayelitsha.

Imvumi edlala umrhubhe uMadosini Mpahleni uthe: “Umahluko ukhona ebantwaneni kwindlela ababefike beyiyo nale bayiyo ngoku. Bayakwazi ukuzenzela uninzi lwezinto ebebezifundiswa ukuqala kwale projekthi kwaye ndingathanda ukuba iqhube.”

“Lo ngumculo wakudala awuxhaphakanga kwaye awaziwa kakhulu ngabantu ngoko ke xakufundiswa abantwana kuthetha ukuba uzakutsho ufumane ukwaziwa nokuxatyiswa. Ndiva kamnandi ukutyala imbewu ebantwaneni,” kutsho uMadosini.

Omnye kubafundi kula projekthi uLima Zepe (10) nongoyena umncinci kwabanye ufunda kwisikolo amabanga aphantsi eVuzamanzi uthe: “Ndiyawuthanda umculo wesiNtu, ndiwukhethe kuba awusebenzisi izithuko njengeminye imiculo, awaziwa ngabantu abaninzi.”

UMakaziwe Ngaphi oneminyaka (18) ofunda ibanga lesithoba eChris Hani uthi ufunda lo mculo kuba efuna ukugcina imvelaphi yaphi yakhe namasiko. Le projekthi ixhaswa lisebe lenkcubeko namasiko kwaye kulindeleke ukuba iphele ngomhla weshumi elinesibhozo kule nyanga.