Abantwana baseNgqushwa bafundiswa ngezakhono

ABANTWANA besikolo abaninzi ingakumbi kumaphandle eMpuma Koloni abazazi ukuba bafuna ukulandela awaphi amakhono xa bekhulile, oku kuye kubangele ukuba bakhethe izinto abangazithandiyo xa befika kumaziko emfundo enomsila.

Yiyo loo nto uSodolophu woMasipala waseNgqushwa, uSanga Maneli, egqibe kwelokubamba iCareer Guidance ukuncedisana naba bafundi.

Esi siganeko siza kubanjwa ngoLwesihlanu, we29 kweyeKhala kwiHolo yeDolophu iNcumisa Kondlo eNgqushwa.

Amaziko emfundo aquka iiyunivesithi, iiTVET Colleges, iinkampani nabezoshishini baza kube behlangene kweli holo.

“Okubuhlungu kokokuba ulutsha lushiya izikolo lungazazi ukuba lufuna ukwenzani, lungenazo nezakhono ezifuneka emsebenzini,” kutsho uSimbulele Mtendeni wezoNxibelelwano kwiOfisi kaSodolophu waseNgqushwa.

UMtendeni uthi le ngxaki iba negalelo elibi kwiikholeji, iiyunivesithi nakwiindawo zokuphangela.

“Ukuzama ukulwa nale ngxaki, umfundi ngamnye kwisikolo ngasinye udinga ukuboniswa nokucetyiswa ngamakhondo abanokuwalandela,” kutsho uMtendeni.

Uthi oku kunceda abafundi baziqonde apho basilela khona kwakunye nalapho bagqwesa khona.

“Oku kunceda ekubeni bangqamanise izakhono zabo noko banomdla kuko ukuze bafumane amakhono abanokuwalandela,” kutsho uMtendeni.

UMasipala waseNgqushwa ngomnye wooMasipala abanezikolo ezingenalo unxibelelwano lweintanethi nolwazi oludingekayo.