AbaNtwanabahle bathakathiwe!

Ukuba liyinene elokuba abobukhosi bafuna ukujika iqumrhu elimele imicimbi yabo libe ngumbutho wepolitiki, makube abaNtwanabahle bathakathiwe, kunjalo nje imiphanda ibulawa ngabamelwana!

Ekubuyeselweni kwesizwe, ibhulukhwe yomlungu ibisele yondele kungasena kubuyelwa kwizikhakha neminweba.

Ngako oko akubangakho ndlela yokuba bubuyele endaweni yabo ubukhosi, bebusele bushiywe lixesha, lizalisekile eleemboni. Inkqubo yezobukhosi emiyo ayimele bukhosi benene, yinkwalambisa njee.

Akuzange kwabakho Nkosi naKumkani iphathelwa yenye kaloku. Ikumkani ekulawula yona ngoku nguMgaqo-siseko. Ophikayo makaphikelele aphike ke.

Eli bholo silivayo lokuba abaNtwanabahle bafuna ukuba ngoosopolitiki linyathelo lokugqibela ukubuguba buphele buthi nya ubukhosi kweli lizwe.

Kunjalo nje isiphelo sabo asiyi kubanalo nengcwaba, okwabantu bale mihla abathi bakufa abafakwa esihogweni babaswe babe luthuthu ngokweenkuni. Ewe, ndiyabaxa ukutsho lawundini, kuba ke zona iincwadi nala manqaku siwabhalayo ziya kuyigcina imbali. Ewe, imbali!

Ubukhosi babungacaluli bungakhethi sityebi nasilambi. Olisizana nesityebi babegwetywa okanye bagwetyelwe kungekho bugqwetha.

Lalilincinci kakhulu ithuba lobuqhophololo bezityebi ezasoloko zihlalele ukuyiphendulela okondonci inkqubo yobulungisa.

Ubesithi umba wakufika enkundleni unonelelwe ngokufanelekileyo, kulityalwe ngezinwe zesityebi ezijolise ekuyidyobheni ngentshongo emehlweni inkundla.

Ikomkhulu yayilikhaya lomntu wonke, owokuhlala nolundwendwe nongumphambukeli. Bekungasweleki bantu nakudla komkhulu. Olilayo nohlekayo ebebalekela komkhulu akuswela indawo yokuya. Kwipolitiki ke ayikho inkqubo enjalo, kunjalo nje akukho nentsobi yayo. Abaqaban’ umhlana epolitikini ngamaphutha-hlathininye! Epolitikini, ingakumbi kweyanamhlanje, akukho kunyanisa nantlambuluko nakuthembeka. Okukhoyo kukufezwa kweemfuno zamaphutha-hlathininye lawo, enokuba oko kukufa na kwabanye.

Ewe okunene iinkosi zenze umda obonakalayo kwipolitiki yeli lizwe ngethuba lomzabalazo, ngokufanayo neecawe. Indima yazo ibikwasekumeleni ubulungisa ezisekelwe kubo.

Inkululeko ebifunwa ibiyinto yakomkhulu neyasecaweni kwantlandlolo, bezimele yona ke nakwilixa lepolitiki embi yeli lizwe kuba kwakungekho wumbi ufuna ukumela ubulungisa. Yaphela ke ngoku indima yeenkosi neecawa kwezepolitiki!

Ikomkhulu likhaya lomntu wonke, kungajongwe mbutho wezepolitiki nankolo yamntu. Kukangako kwaba ngumnqa nje ukuzigwagwisa kwekomkhulu labaThembu mhla lazayamanisa ngokuphandle neDA.

Oxoxayo ke wothi bezisayanyaniswa ne-ANC nje iinkosi zamaXhosa, ezamaZulu zisayanyaniswa ne-IFP, kungekho ngxaki, kubuye kwakubi nini xa zizayamanisa neDA.

Impendulo ke kukuba ukwayanyaniswa kweenkosi ne-ANC ne-IFP kwidemokhrasi kwakungazange kwaba yinto entle kwasekuqaleni, kuba kubacalula abo bangekho kule mibutho.

Kambe ke, asinto ibe imisiwe ukuba iinkosi zibe zezale mibutho, koko oku kube lilifa lemveli kuyo ngenxa yembali yazo emzabalazweni. Inkosi ayinalungelo lademokhrasi lokuba phantsi kombutho wezopolitiki, elo lungelo yimfihlo yayo, kungenjalo asiyonkosi leyo ngusopolitiki. Komkhulu kaloku kumele kungena nawuphi na umbutho wepolitiki ukhankase, necawe ishumayele, nomkhwithsi akhwithse, njanlo-njalo. Bonke ngabekomkhulu.

Ukungena kweenkosi ipolitiki kukulahla inkcubeko yobukhosi. Kungokuba ziza kubathini abantu bazo abangazu kuwulandela ombutho lowo? Ziza kubakhuphela ngaphandle kwamasango azo? Ndaza ndakuva zwindini! Abasondeleyo ebukhosini mabakhalime!

Uxhentsenkunkumeni onjengam akukho yimbi angayenzayo ngaphandle kokubhala eli nqaku. Kukuzihlazisa nokuziphuca isidima iinkosi ukungena ipolitiki. Kambe ke, ziya kuba zibubhangise ngokwazo ubukhosi ukuba ube yimpumelelo lo mnqweno wazo.

Ndiyarhana ukuba ngumbono woozungul’ ichele lo, hayi iinkosi ngokwazo. Ukho ozibonela inqatha ngaphezu kokulungiselela ezidingo zobukhosi ekuthiwa kulungiselelwa zona. Ukuqala umbutho wopolitiko bubutyebi kule mihla, hayi ubuthanda-zwe. Goba msenge iibhokhwe zikutye!

Owenu kwisiXhosa, Nxuba.