Abanye bakhethe okwalukela esibhedlele

Ngamakhulu amathandathu namashumi amathandathu anesithandathu inani lamakhwenkwe asebenzise ithuba lokwalukela kwagqirha phantsi kweziko elilwa isifo sikagawulayo nesifo sephepha TB/HIV Care Association eMonti.

Ingxelo yela ziko ithi, eli nani liyenyuka rhoqo xa kufike ixesha lokwaluka kwamakhwenkwe kweli loMzantsi Afrika.

Othethe egameni leli ziko uZolani Barnes uthi la manani anyuke ukusukela ekuqaleni kwenyanga ephelileyo.

“Ngamakhwenkwe akwikhulu namashumi asixhenxe anesine athe aluka apha kuthi evela kumasipala wesithili sase-O.R. Tambo, Alfred Nzo ngamakhulu amabini neshumi elinesihlanu, Nelson Mandela Bay ngamakhulu amabini namashumi amahlanu anesithandathu lo gama iBCM iyeyona inamanani aphantsi abakhwetha abaluleke kuthi ngamashumi amabini ananye kuphela,” ucacise watsho uBarnes.

Uhambisa athi la manani achaphazela kuphela ezi veki zintathu zigqithileyo, kwaye wenzeka ngempumelelo umsebenzi wokukhusela abantu kwisifo sikagawulayo ngokubalusa.

“Injongo yethu asikokukhuphisana nesiko lesiNtu koko sikhusela ukusasazeka kwesifo sigawulayo nesifo sephepha, abantu bethu bayalisebenzisa eli thuba,” utshilo.

Eli ziko lamiselwa ngurhulumente ngeenjongo zokusebenzisa ukwalusa njengenye yeendlela zokulwa ukusasazeka kwesifo sikagawulayo ngelizama ukuphungula amanani abantu abafunyanwa sesi sifo kweli.

Ugqirha owenza lo msebenzi kwiziko eliseMonti ugqirha Lonwabo Kama uthi abantu babonakalisa ukuqaphela uncedo olubangwa ngulo msebenzi.

“Ngonyaka ngamnye amani ethu ayenyuka, lo nto ithetha ukuba abantu bayasoyika isifo sikagawulayo kuba besazi ukuba ukususwa kwejwabi kuyanceda ukusikhusela,” utshilo uKama.

Urhulumente weli wazisikela inani lamadoda akwizigidi ezithathu ekumele ukuba zikhuselwe ukusukela kunyaka ophelileyo.

Ingxelo ithi uninzi labo basebenzisa eli ziko ngabantu abaphuma kwiindawo zabantu bebala.

“Kusekho ukuzoyikisela kubantu bezinye izizwe kodwa liyakhula inani labantu bonke abeza kuthi ukuza kukhuselwa kwisifo ugawulayo,” utshilo uBarnes.

Le ngxelo ithi la manani kusalindeleke ukuba enyuke.