Abaqeshi mababuyisele abasebenzi abonzakeleyo emsebenzini

INgxowamali yeMbuyekezo yenze isicelo esinyanisekileyo kubaqeshi ukuba badlale indima yabo ekuququzeleleni ukubuyiselwa kwabasebenzi abonzakeleyo emsebenzini.

Intlanganiso yesibini yeBRICS iQela eliSebenzayo leNgqesho (EWG) ibiqale ngoMvulo wethoba kuCanzibe ukuya kutsho ngoLwesine, umhla weshumi elinambini kuCanzibe ePort Alfred, eMpuma Koloni, ibigxile “ekuqinisekiseni umsebenzi ondilisekileyo, isidima nentlonipho kumntu wonke.”

INgxowamali yeMbuyekezo ikhuphe isimemelelo esiqatha kwiinkampani ukuba zincede ziququzelele ukubuyiswa kwabantu abonzakeleyo emsebenzini.

UNthabiseng Magonono, ongumlawuli wenkqubo yokubuyiselwa kwisimo sesiqhelo sabasebenzi kwiNgxowamali yeMbuyekezo, uthe inkqubo yokubuyisela kwisimo sesiqhelo, ukubuyiselwa eluntwini, kunye nokubuyela emsebenzini kuza nenkqubo eza kuvumela abasebenzi abonzakeleyo abathe baphila nokukhubazeka okusisigxina ukuba babuyiselwe emsebenzini.

“Umkhwa womqeshi wokugxotha abo basebenzi bonzakeleyo emva kokuba befumene ukukhubazeka ubatyhalela kwintlupheko. Ngoko ke, iNgxowamali yeMbuyekezo ibone kubalulekile ukuqinisekisa ukuba siyayibeka esweni le nkqubo. Siyaqinisekisa ukuba siza nenkqubo eza kunceda abasebenzi bethu abonzakeleyo ukuba babuyiselwe emsebenzini,” utshilo uMagonono.

Phambi kokuba akhulule umsebenzi owenzakeleyo, ngokukaMagonono, umqeshi kufuneka ejonge zonke iindlela anokuthi asebenzise ngazo ukubuyisela umsebenzi emsebenzini.

Uthe ezi zinto zinokubandakanya uhlengahlengiso okanye ukuphuculwa kwezakhono. Kukwakho nokwaziswa kweyunithi ephantsi kweNgxowamali yeMbuyekezo ejongene nokubuyiselwa kwimeko yesiqhelo kunye nokubuyela emsebenzini. Baneentsika ezine.

“Sinokuvuselelwa kweklinikhi ejongene neenkqubo ezininzi zokungenelela ezijoliswe ekuxhaseni abasebenzi abalimele ukuze bafumane izakhono ababenazo ngaphambi kokwenzakala kwabo.

“Sikwanokubuyiselwa eluntwini ukwenza ukuba abo basebenzi bonzakeleyo, bazimele eluntwini.

“Sikwanazo nezixhobo zokuncedisa amalungu omzimba kunye nokufakelwa endaweni yamalungu omzimba angekhoyo apho siqinisekisa ukuba banikwa izixhobo zabo. Okokugqibela, sinovuselelo lwemisebenzi yezandla apho baxhotyiswa khona ukuze bakwazi ukufumana izakhono nolwazi olufunekayo ukuze babuyiselwe eluntwini,” utshilo uMagonono.

UMagonono ukwadize ukuba bazandisile iinkonzo zabo zentlalontle ngokubanzi ukuze baquke abo bangafezekisanga iimfuno zabo kunye nabaxhomekeke kubasebenzi abasweleke ngenxa yokonzakala kwabo.

Abathathinxaxheba baquka abameli bombutho waBasebenzi weHlabathi (ILO), iKomiti yesigqeba yeSebe lezeMisebenzi neNgqesho, eyayichotshelwe nguSekela Mphathiswa uBoitumelo Moloi, iingcali zemfundo zelizwe, iingcali zamazwe ngamazwe, kunye namahlakani entlalontle.

Le nkqubo ikhuthaze amazwe atyeleleyo afana neLesotho, iMalawi, iNamibia, neZimbabwe ukuba athathe inxaxheba. Ukongeza kokumenywa, iManyano yeAfrika yathatha iqonga kunye ne-ILO, iZiko loLawulo lwaBasebenzi kwiNgingqi yaseAfrika (ARLAC), kunye noMbutho woKhuseleko lwezeNtlalo yeZizwe ngeZizwe (ISSA).

INgqungquthela yeshumi elinesihlanu yeBRICS, eza kuqhutyelwa eMzantsi Afrika ukusuka ngomhla wamashumi anambini (22) ukuya kowamashumi amabini anesine (24) kweyeThupha ka2023, iza kudibanisa iinkokeli zaseBrazil, iRashiya, i-Indiya neChina. UMzantsi Afrika uza kuba ngusihlalo wamazwe eBRICS ngomxholo othi, “I-BRICS ne-Afrika: iNtsebenziswano yokuHluma okuKhawulezileyo, uPhuhliso oluZinzileyo kunye nokuBandakanya kwaMazwe amaninzi.”