Abaqeshi mabaqiniseke ngeziqinisekiso zabo bafuna ingqesho

ABAQESHI banelungelo lokuqinisekisa ngeenkcukatha ze-CV zalowo banenjongo yokumnika ingqesho, ngoko ke abo baswele ingqesho mabaqinisekise ukuba abakubhale kwii-CV zabo kuyinyaniso.

Oku kuthethwe yingqonyela yenkampani i-EMPS uKirsten Halcrow, nephanda inike ubungqina ngeenkcukaca ezifakwe ngabantu kwii-CV zabo.

Uthe amawakawaka abafundi aphuma kwibanga leshumi kwizikolo zeli kulindeleke ukuba babeyinxalenye yabo bakhangela amathuba engqesho kulo nyaka. Uqhube wathi, isiqinisekiso sebanga leshumi sihamba phambili kuluhlu lweziqinisekiso zomgunyathi kweli.

Uthi abafundi abakhangela ingqesho banomkhuba wokufaka kwii-CV zabo, iMathematics kwakunye nezifundo zenzululwazi kuba zezona zifundo zidingeka kakhulu kwindawo zemisebenzi.

Ukwathe kananjalo batshintsha amanqaku abawafumeneyo bazinike anagathi atye kratya.

UHalcrow ubalule ukubanjwa kwemiguvela evelisa iziqinisekiso zebanga leshumi zomgunyathi, iincwadi zokundwendwela kwamanye amazwe kwanezobumi beli lizwe. “Kukho abacinga ukuba xa kukho amagosa aseberhulumenteni asebenze iminyaka ngeziqinisekiso zomgunyathi nabo bangaphumelela ngokuxoka,” utshilo uHalcrow.

Ukwathe abanye abayazi ukuba lityala elikhulu lobuqhetseba ukuxoka ngolwazi ngesiqinisekiso sakho sebanga leshumi. “Ungajongana namatyala amabini ngokufana nowayesisithethi samapolisa [Kwa-Zulu Natal] uViNcent Mdunge ogwetywe iminyaka emihlanu ngobuqhetseba nangokuvelisa isiqinisekiso somgunyathi,” utshilo uHalcrow.

Uphinde wabalula ingxaki kaDaniel Mthimkhulu oxoke wathi unesiqinisekiso sobugqirha kwezobunjineli, kanti akaziwa nayibhodi yeenjineli. Kungoku nje ujongene netyala lokwaphumla umthetho.

“Ukuxoka kwi-CV yakho ayilolwaphulo mthetho nje ngokwemfundo, bubuqhetseba kwaye abukho mthethweni,” utshilo uHalcrow. Ukwathe “Ukuba lowo ufuna ingqesho unerekhodi lolwaphulo mthetho, kufuneka ayichaze lo nto kumqeshi nokuba sisenzo esincinci kangakanani na.”

Kwinyanga kaNovemba nyakenye urhulumente weli uthe uzakusungula umgaqo-nkqubo ojongene nobuqhetseba beziqinisekiso. Iqumrhu elijongene neziqinisekiso lizakudwelisa uluhlu lwabo baxoka ngeziqinisekiso ukuze bafumane isohlwayo ngezenzo zabo.

URudi Kruger ojongene norhulumento, nokuthobela kwinkampani iLexisNexis uthe, abaqeshi bajamelene neengxaki zabantu abanempepha zobuxoki, abaxoka ngezinto ebebefudula bezenza kwimisebenzi yangaphambili, amarekhodi olwaphulo-mthetho, nokuzinyusela imivuzo engeyiyo le bebeyamkela.

UHalcrow uthe, iinkampani ezingaziphengululi ngokupheleleyo iinkcukaca zabasebenzi ngaphambi kokubanika ingqesho ziqesha abantu abangenaziqinisekiso, ngelixa abaneziqinisekiso bedinga imisebenzi.