Abarhanelwa abathandathu abaphakathi kweminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ukuya kumashumi amane anesihlanu (45) baye babanjwa ngezityholo zobusela bemfuyo, ze iinkomo ezilithoba ebezibiwe ezixabisa iR120 000 zizonke zafunyanwa.
Oku kuza emva kwephulo lobuntlola ngoncedo lwamalungu asuka kwiStock Theft, iK9 kunye neDistrict Operation Command Centre alandele ulwazi ngesithuthi esasithutha iinkomo sisuka eLady Grey sisiya eFreyistata.
Isithethi samapolisa, uCaptain Ursula Roelofse, uthe, kwangoko amapolisa amisa imoto emhlophe yohlobo lweToyota Single Cab ebinabantu ababini ababetsala itreyila ebithwele iinkomo ezilithoba phakathi kweLady Grey neAliwal North. Le moto ibikhatshwa yiHonda Fit Sedan ebhlowu enabantu abane.
“Iimoto kunye neentsimbi zophawu zathinjwa. Kwaqhagamshelwana nomnini weenkomo wafanisa kwaye wafumanekisa ukuba ziinkomo zakhe,” utshilo uRoelofse.
Kwelinye ityala eliseBarkly East, amapolisa afumene ulwazi kumnini fama malunga nesithuthi esikrokrisayo kule ndawo.
Kuthiwa amapolisa ayifumana le veni ikrokrisayo ayimisa, ze athi xa egqogqa isithuthi afumana iigusha ezimbini ebezibiwe.
Ingxelo ithi indoda eneminyaka engamashumi amabini anesihlanu (25) ubudala yabanjwa. Iigusha ezifunyenweyo zabuyiselwa kumnini wazo.
UMkomishinala weSithili saseJoe Gqabi, uMajor General Lindelwa Vellem, uqhwabele izandla amapolisa ngokubanjwa ngempumelelo kwabarhanelwa kunye nokufunyanwa kwemfuyo, kwaye uyayamkela impumelelo encomekayo kumatyala okubiwa kwemfuyo olulwaphulo-mthetho oluphambili kwesi sithili.
Bonke aba barhanelwa bavele kwiNkundla kaMantyi yaseBarkly East ngomhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyoMsintsi 2024.
Ibhale incwadi intwazana yakuTsolo efunda uGrade 10