Abasasazi bagaxeleke engozini embi!

ABASASAZI ababini bakanomathotholo weSABC eMpuma Koloni basinde ngokulambisa engozini emasikizi ngeCawa.

Aba basasazi babini kwakunye nomqulunqi weenkqubo zeli ziko bebesendleleni esuka ngaseMonti besingise ngaseGqeberha ngethuba begagana neli shwangusha kufutshane neMakhanda.

Omnye umsasazi usekwimeko ezinzileyo esibhedlele ngelixa omnye kwakunye nomqulunqi wakhe bechacha ekhaya emva kokukhululwa emva konyango.

Aba basasazi bayaziwa leli phephandaba noxa amagama abo engenokuthiwa pa-ha okwangoku nanjengoko omnye wabo esekwimeko e-ethe-ethe esibhedlele.

“Asiyazi kwenzeke ntoni kodwa esikwaziyo siphantse safa izolo. Umsasazi obeqhuba nguye owonzakele kakhulu,” kutsho omnye umsasazi obalisele I’solezwe.

Kuvakala ukuba lo usesesibhedlele wophuke izihlandlo eziliqela engalweni ngelixa abanye befumene umonzakalo ongephi.

Imoto bebehamba ngayo ibubugoxo sithetha nje.