Abasasazi baphakamise uGatyana kwiiSATMA

UKUTYUNJELWA imbasa yeSATMA iminyaka emibini ilandelelana kuthetha ukuba umsasazi weKhanya FM, uYandisa Zizele, wenza umsebenzi oncomekayo.

UZizele, 23, ebexelela I’solezwe lesiXhosa echulumancile emva kokutyunjelwa imbasa yowona msasazi ugqwesileyo kwizikhululo zikanomathotholo zasekuhlaleni ngenkqubo ethi Sihlafunamanyama ngethuba lokwaziswa kwabatyunjwa eMalahleni, eMpumalanga, ngoMgqibelo kwiveki ephelileyo.

Kwizikhululo zikanomathotholo zasekuhlaleni eMpuma Koloni, uZizele ukhuphisana noSkhumb’ esimnyama weForte FM eseDikeni kwakunye noJikijwa weKouga FM.

“Ndiziva ndichulumancile kakhulu ngokuchongwa kwam kwiiSATMA. Ndinoncumo novuyo olungumangaliso.

“Kwaye lo nto ithetha ukuba umsebenzi wam ndiyawenza, kwaye ndingathi ndichongwe okwesibini lo nto indinika ithemba lokuba le mbasa iyabuya iza ekhaya kwisikhululo iKhanya FM,” kutsho uZizele.

Le nzalelwane yaseNtsonyana kuGatyana izibandakanye nesi sikhululo saseGcuwa kunyaka ka2020.

Nakunyaka ophelileyo uZizele ebephakathi kwabachongwa beSATMA kwangale nkqubo inye.

Ukuvotela uZizele uthumela iSMS yeR1.50 ethi SATMA124 ku-49495.

Yena uJikijwa Thembelani Sikilishe waseQwaninga kuGatyana ohlala eGqeberha utyunjelwe inkqubo yakhe yeMaskandi ethi Yatshw’ ingoma. Lo msasazi weKouga FM uqale ukusasaza kwiNgqushwa FM ngo2021.

Xa ufuna ukuvotela uJikijwa uthumela iSMS ethi SATMA123 ku49495.

Ukanti nemvumikazi uAmanda Mankayi ubiziwe kwiqonga leSATMA ngengoma yakhe ethi Ndawo Yam.

UMankayi, ongudade kwimvumi edumileyo uNathi Mankayi, ukwibakala leyona ngoma iphambili kumculo weAfroSoul.

“Iyandithobisa kakhulu mntasekhaya le nto, ndibona ukwenza nokulunga kukaThixo ebomini bam kuba uhambo akhange lube lula kakhulu, ukuphulukana nomama notata wam phantse ngexesha elinye kwandishiya ndonzakele, nengoma yam iphuma kumava entlungu endiye ndayiva kwixeshana elingephi,” kutsho uMankayi.

Nasekubeni uMankayi wayeyiphumelele ngaphambili iSATMA, kodwa uthi le ithetha lukhulu kuye kuba le ngoma iphume phantsi kwenkampani yakhe iBest Beat Entertainment.

Ukuvotela uMankayi uthumela iSMS ethi SATMA14 ku-49495.

Abanye abachongwa beMpuma Koloni baquka uLucy Impondokazi njengembongi etshatsheleyo, uSivuyile, uNelisa noXentsakumisiwe abakhethelwe kwibakala lemvumi ephambili kulwimi lwesiXhosa.

Ukanti akashiyekanga noGudlabatshakazi nenkqubo yakhe ethi Lavuthibhayi phakathi koluhlu lwabasasazi beenkqubo zomculo wesintu eSABC.

Amawonga weshumi elinesixhenxe eeSATMA kulindeleke abanjelwe kwakwiphondo laseMpumalanga ngomhla wokuqala kweyeDwarha. Iminxeba yevoti ivalwa ngomhla wama30 kweyoMsintsi 2022.