Abasasazi batyhola umasitishi waseKhanya FM

Ngenxa yokunqongophala kwemali engenayo kwisikhululo sasekuhlaleni iKhanya FM eGcuwa, abaphathi beli ziko bazibone bengakwazi kuhlawula imirholo yeenyanga ezimbini yabasebenzi.

Ingxelo yabaphathi ngomlomo kaSiyabulela Phohlo ongumlawuli wesi sikhululo ithi oku kungenxa yokulibaziseka kwentlawulo yemali evela kumasebe karhulumente.

“Enyanisweni abakhange bayifumane abasebenzi imali ngenyanga yoMqungu neyoMdumba. Sababiza ke sibaxelela ukuba le mali yesibonelelo esibanika yona ayizukufumaneka, sihlala siyithundeza le nto yokuba le yimali ekhe ingafumaneki ngamaxesha athile,” ucacise watsho.

Ingxelo kaPhohlo ithi oku kungenxa yokulibaziseka okuqhelekileyo kweentlawulo ezivela kurhulumente. Le yimali eqikelelwa kumakhulu amabini namashumi amane amawaka eerandi (R240 000).

Ukanti omnye wabasebenzi kweli ziko ongavumanga negama lakhe ngeloyikisela ukhuseleko lwakhe uthe:

“Aziyonyani iingxelo zokuba akukho mali, lo mfo uthe gqolo ukwenza imibhiyozo yokuphela konyaka ngenyanga yoMnga, xa kuqala unyaka ingabikho imali yemirholo, besithe mayingenziwa le mibhiyozo kunyaka ophelileyo,” ucacise watsho umsebenzi.

Ukanti uPhohlo uyazithethelela kwizityholo zokudlakaza imali engangamashumi amane anesibini (R42 000) amawaka kwimibhiyozo yokuphela konyaka ophelileyo.

“Imali esiyichithe kulo mcimbi ayichaphazeli umcimbi wokuvala unyaka. Le ngxaki yokungangeni kwale mali iqale ngenyanga yoMnga sele sibuyile kulo msitho wokuvala unyaka, lo msitho ukuluhlu lwezinto ezenziwa minyaka le apha esikhululweni,” ucacise watsho uPhohlo.

Uthi ezinye iimali ezingena kwesi sikhululo azifikeleli kwinqanaba lokuhlawula imirholo yabasebenzi.

“Xa sisonke apha samkela imali ekumashumi amathathu anethoba amawaka eerandi (R39-000) ngenyanga, imali echithwe kumbhiyozo wokuphela konyaka ibingamashumi amane anesibini (R42 000), ukuba ibingenziwanga le nto ngesinayo imali,” uthethe watsho omnye umsebenzi.

Ukanti omnye umsebenzi uyangqina ukuba ngenene abaphathi abakwazi kusebenzisa imali.

“Ngenyanga yeThupha kunyaka ophelileyo besingenelwe yimali ekumakhulu amathathu amawaka eerandi (R300 000) ukuba ibisebenze kakuhle loo mali ngesinayo imirholo kude kufike le nyanga yoKwindla,” utshilo umsebenzi.

Abasebenzi batyhola ngelithi uPhohlo uthembise ilungu lebhodi elithile ngemali ekwikhulu lamawaka eerandi (R100-000).

“UPhohlo ulibazisa ukungena kwale mali kuba ufuna ukunika ilungu lebhodi imali engangekhulu lamawaka eerandi, akayazi ukuba siyayazi lo nto, makathethe inyani, iphi imali?” uthethe watsho umsebenzi.

Lo kaPhohlo uthi imali yesi sikhululo ibambezeleke ngenxa yeenkqubo zikarhulumente.

“Sinayo imali ezayo ekumele ukuba isincede siphume kule ngxaki, ngenxa yenkqubo zikarhulumente sisalindile, iza kuhlawulwa imirholo xa kufika loo mali,” utshilo uPhohlo.

Eli ziko lasungulwa ngonyaka ka2000 emva kokuvela kwamaziko amaninzi osasazo asekuhlaleni awayekhuthazwa ngumthetho iIndependent Broadcasting Act (IBA) yonyaka ka1993.

Injongo yokuvulwa kwala maziko yayikukunika abantu ithuba lokuba babenamaziko abo ekuhlaleni ngeelwimi zabo.

Unobhala webhodi elawula esi sikhululo uFundile Feketshane ucele ukuba afumane ithuba elaneleyo phambi kokuba anike ezakhe iimpendulo kwiingxaki zeli jelo lasekuhlaleni.