‘Abasazi kakade isiNgesi aba bantwana’

UGqirha Mhlobo Jadezweni

UGqirha uMhlobo Jadezweni oligqala lokufundisa isiXhosa esikolweni naseYunivesithi ukusukela ngo1975, usiqhwabela izandla isigqibo sorhulumente weMpuma Koloni sokuba kuqaliswe ukubuza imibuzo ngesiXhosa abafundi bebanga leshumi kulo nyaka.

UGqr Jadezweni sele esidla umhlalaphantsi emva kokujikeleza kumaziko emfundo esezantsi ukuya kwaphakamileyo efundisa, ekhusela, ekwathethelela ulwimi lwesiXhosa.

“Uninzi lootitshala beMpuma Koloni ngamathetha siXhosa, ingakumbi kwizikolo eziza kuchaphazeleka, ngoko ayintshanga into yokuba abantwana beza kubuzwa ngesiXhosa, abasazi isiNgesi kakade aba bantwana nicinga ukuba bazi isiNgesi,” uthethe oko uJadezweni.

Uthi okona kuza kunceda abafundi nootitshala kukwamkela nokuthanda ulwimi lwabo lwenkobe, isiXhosa.

“Kufuneka bayazi le nto ifundwayo, beyilandela ngolwimi lwesiXhosa, abaguquli beencwadi kufuneka bavelise iincwadi ezifanelekileyo ukuncedisa eli phulo lihle kangaka,” utsho uJadezweni.

Lo kaJadezweni ebephakathi kwezifundiswa ebezijijisana nolwimi lwesiBhulu kwiyunivesithi yaseStellebosch eKapa, enyanzelisa ukuba kufundiswe, kubhalwe, kuthethwe isiXhosa kwela ziko lesiBhulu.

“Ndivuya kakhulu ngenxa yoku kuba silwe kakhulu eStellenbosch kwango1990, sisilwela ulwimi lwesiXhosa, ukusukela ngo1996 ukuya ku1997 saqala ukukhupha izidanga zeMasters ngesiXhosa ngenxa yelo dabi eStellenbosch,” uqhayise watsho uJadezweni.

Oligosa eliphezulu kwiSebe leMfundo eMpuma Koloni, uMahlubandile Qwase, kwiveki ephelileyo uxelele inginginya yezifundiswa, abafundi nootitshala ukuba isiXhosa siza kusetyenziswa ukubuza abafundi imibuzo kwibanga leshumi kulo nyaka. UJadezweni uthi nangona ikho imicelimngeni eliza kudibana nayo eli phulo, kodwa liza kuphumelela.

“Owokuqala umcelimngeni ngowokuba abazali, ootitshala nabafundi baza kulujongela phantsi ulwimi lwabo, kanti urhulumente uncedisana nabo. Okwesibini abakwazi ukubhala isiXhosa aba bantwana, babhala izivakalisi namagama angaphelelanga, ezo zizinto ezifuna ukuqwalaselwa kusaqalwa,” utsho.

Ibhodi ejongene neelwimi zeli iPan South African Languages Board iliqhwabele izandla eli nyathelo lorhulumente weMpuma Koloni. Usihlalo obambeleyo kule Bhodi, uPreetha Dabadeen, uthethe wathi:

“SiyiPan South African Languages Board siyasamkela esi sibhengezo senziwe ngurhulumente wephondo leMpuma Koloni, akwaba namanye amaphondo ebenokuzeka mzekweni. Oku kumele ukuba kuqale kumabanga asezantsi esikolweni,” utshilo uDabadeen.

Kukho uluvo lokuba ukubhalwa kwezi mviwo ngesiXhosa kuyakunceda iphondo leMpuma Koloni ukuba liphucule iziphumo zebanga leshumi. IMpuma Koloni ihleli kwindawo yesiBhozo ngokoluhlu lokuphumelela kwabafundi bebanga leshumi kuzwelonke.

“Ndifundise isiXhosa eJamani, abantu bezinye iintlanga bayasamkela isiXhosa. Aba bantwana kufuneka basamkele isiXhosa, kamva kufuneka benziwe uvavanyo lomsebenzi kwangolwimi lwesiXhosa,” utsho uJadezweni.