Abasebenzi bakarhulumente zizicaka zikawonke wonke

Liyinene elithi ngeke ukwazi ukuvuyisa wonke umntu, lonke ixesha. Xa umasipala othile enikwa iwonga lophicotho olucocekileyo kuye kuthi gqi abathi “Abantu abazokutya iiClean audits!”

Babe benyanisile kuba uyakufumanisa ukuba abanye abantu abakaxhamli ngqo kwiinkonzo zaloo masipala, okanye abaziboni bexhamla. Kubakho iingxaki xa abantu bengawuboni umsebenzi owenziwa ngumasipala wabo.

Ezi zezinye zezinto ezithe gqi kwinkomfa yoomasipala eMonti ekuqaleni kwale veki. Kuhle ukubona abasebenzi boomasipala bezimisele ukuphucula iindawo abasebenza kuzo. Inkulumbuso yephondo laseMpuma Koloni ibakhumbuzile ukuba bazizicaka into abayiyo kwaye akufuneki bazibone bengabantu abakhulu.

La mazwi ankenteza ayokutsha nakumxholo kazwelonke. Abasebenzi bakarhulumente bekufanele ukuba bazibona njengezicaka zabantu aba babavoteleyo.

Sibhala nje kukhalwa ngomongameli Zuma nokubanjwa ngesixhanti kukarhulumente ngoosomashishini babucala.

Kukwaliwa nengxelo yalowo wayesakuba ngumkhuseli woluntu, uThuli Madonsela. Abaphathiswa ababini abafuni ilibone ilanga le ngxelo kaMadonsela. Bafihla ntoni?

Kwelinye kukhalwa ngentloko yegunya-bantu lezotshutshiso, uShaun Abrahams ekukhangeleka ngathi akanalwazi ncam ngeziphumo zokuleqa umphathiswa wezimali engakhange aphande nzulu.

Kuqhubeka ntoni na phandl’ apha?

Kutheni umongameli weli enamandla angaka? Napha kukhongolose sekukho iimpawu zoqhekeko lombutho, sekukho iinkokheli ezithi makashiye isikhundla umongameli nesigqeba solawulo sakhe. Asiqondi ukuba uzakugungqa.

Ukuba besinedemokhrasi eyomeleleyo nephilileyo bekumele ukuba sikwisigaba apho xa abantu bengonelisekanga yimpatho yombutho olawulayo bakwazi ukuvotela omnye umbutho.

Abemmi beli kufuneka baphakame bayeke ukugxeka behleli ecaleni. Makulawule abantu!