Abasebenzi bakwamasipala mabaphume kwimiba yezopolitiko

USodolophu waseMnquma uThobeka Bikitsha, ethetha nabahlali kwiholo yeChristian Centre kwaWadi one eGcuwa. Umfanekiso: Anele Raziya

Usodolophu waseMnquma
uThobeka Bikitsha utyhole abasebenzi balo masipala ngokuzibandakanya kwimiba
yezopolitiko, watsho ebayelela ukuba bangazidyobhi ngalo mkhwa.

“Abasebenzi mabohlukane
nento yokupolitika, mabaziyekele kuthi izinto zepolitiki, kuba sithi
oosopolitiki kwaba masipala,” utshilo uBikitsha.

OkaBikitsha ebethetha kwimbizo
kasodolophu nabahlali bakaWadi one, ebikwiholo yeChristian Centre nalapho ebenika
ingxelo kubahlali ngomsebenzi asele ewenzile njengosodolophu kweezintsuku
zilinkulu exhuzula imikhala.

Uyithethe
eyiphindaphinda eyokuzibandakanya kwabasebenzi nepolitiki, nangona engadanga
waphuma egusheni, kodwa bekuvakala ukuba intetho yakhe ijoliswe kumbhodamo
oqhubeka kulo masipala emva kokunqunyanyiswa koManejala kaMasipala
uSindile Tantsi. 

Ukunqunyanyiswa kukaTantsi libhunga likaMasipala waseMnquma
kukhokelele ukuba abanye babasebenzi barhuqe iinyawo kumsebenzi wabo ngelinika
inkxaso kuye.

UTantsi unqunyanyiuswe
kwiinyanga ezimbalwa ezidlulileyo ngezityholo eziquka ukupasisa umnyhadala
womngqungqo womculo weJazz ngaphandle kwemvume yebhunga likamasipala.

Kukho amarhe ngabasebenzi abafuna ukuphazamisa umsebenzi walo masipala ekuhambiseni iinkonzo, beyalelwa ngabathile abangamahlakani kaTantsi kwakulo masipala.

UBikitsha uthi umasipala
waseMnquma uzibhaqa usengxaki yorhwaphilizo, kwaye bazama ngako konke
beyiKomiti kaSodolophu ukulungisa oko.

“Akukho nesicwagciso mali sokuba
kucocwe idolophu yaseGcuwa kwaye lonto sifuna ukuyiqwalasela ukuba yenzeke
njani,” utshilo Bikitsha.

Uxelele abahlali ukuba inkqubo
ye-EPWU ebincedisana nomasipala ibinabasebenzi abayi 152 ebebecoca idolophu
yaseGcuwa, kodwa ngoku bayi 52 kwaye sisigidi seerandi esisabelo sesebe
lemisebenzi yoluntu ebhatala abasebenzi.

Ukwathe iKomiti kaSodolophu
iqwalasela umba weendlela ezingagqitywanga kwaye ifuna iimpendulo kwiinkampani
ebezinikwe iithenda zokwenza lo msebenzi.

Ephawula ngechibi lokuqubha
likawonke-wonke eGcuwa, uthe isebe lezemidlalo eMpuma Koloni lingenelele kwiinzame zokugqitywa kweli chibi.

Ukanti abahlali batyhole
kwayena uBikitsha ngemiceli mngeni yeenkonzo kuWadi one kuba ebefudula enguceba
wala Wadi phambi kokuba ngusodolophu.

ULindile Jiya
ongumhlali, uthe “Zonke ingxaki azithethayo uBikitsha athi zijongene nomasipala
kunye nezokungacwagciselwa ukucocwa kwedolophu, kumele avele elubala achaze
ukuba ngubani lo ungunobangela.”

Uthe xa engathethi nyani
ngalo mntu ubangela le ngxaki kwamasipala, uyafana nomntu ongenanjongo yesisombululo.

Omnye umhlali,Jefrey
Mqhamkana uthe, nangona bengafumananga thuba lokudlulisa izikhalazo zabo kusodolophu,
kodwa bazakuzixelela ukuba owabo uceba nguZolani Siyo.

UBikitsha uyaqhuba
nopkunika ingxelo nakwezinye iiWadi ngokwenziwe ngumasipala waseMnquma kwezintsuku
zilikhulu.