Umanyano kumbutho wabasebenzi iCOSATU lubalulekile. Lawo ngamazwi aphambili kumbhiyozo wombutho wabasebenzi iCongress of South African Trade Unions [COSATU] nemifela ndawonye yalo mbutho kwidolophu yaseBhayi.
Lo mbutho ubhiyozele usuku lwabasebenzi eNangoza Jebe, eNew Brighton.
Iholo eli belingazalanga kuyaphi; abahlali bebenqongophele nto leyo ibangele inkqubo iqale ngentsimbi yeshumi elinesibini emini.
Umbutho wabasebenzi, iCOSATU, uhlabe ikhwelo uzibuza imibuzo ethi, konakelephi na kuba kaloku kunzima nokuba abasebenzi phantsi kwalo masipala bagcwalise iholo.
“Singumbutho wabasebenzi iCOSATU asihambisani nokuphathwa gadalala kwabasebenzi kwiindawo zokusebenzela, kwaye siyakuqhubela phambili silwela abasebenzi ukuze baphatheke kakuhle kwiindawo ngeendawo abasebenza kuzo kwilizwe liphela. Ukumanyana kubaluleke kakhulu kwiCOSATU” utshilo uThulasi Nxesi, owayesakuba ngusihlalo wombutho wotitshala iSADTU kungoku nje uyinkokheli yombutho wamakomanisi.
Kusenjalo, olilungu le-ANC uvakalise ukungaxoli linani labasebenzi ebebezimase lo msitho, esithi ukhona undonakele. Ukwathe kuyafuneka kungenwe kumzi nomzi kuthethwe nabahlali ukuba baphalaze iimbilini zabo khon’ukuze bakhawulelane nazo bengumbutho wabasebenzi kulo masipala waseBhayi.
Uqhube wathi, uMzantsi Afrika ujongene nomcelimngeni wentswela ngqesho ingakumbi kubantu abatsha, uthe lo mcelimngeni ungamandla kufanele kujonganwe nawo ulungiswe khon’ukuze abantu basebenze bakwazi ukuzondla bondle neentsapho zabo.
Ukanti lo mbutho wabasebenzi ukwathe, lixesha lokuzithoba kubahlali babuze kubo ukuba konakelephi na bavume izono ukuze umbutho uhlale umanyene. Bekhuthaza abahlali nabasebenzi ukuba bonyule umbutho i-ANC ngethuba lolonyulo loorhulumente basemakhaya ngomhla wesithathu ku-Agasti. Ikwathe, xa i-ANC ingaseyombumba ayisoze iphumelele.
Lo mbutho wabasebenzi uququmbele olu suku lukhulu lwabasebenzi ngokuthi bayaqhuba nokumisela la maphulo alandelayo, kwaye yenze inzuzo:
* Ukutshatyalaliswa ngokupheleleyo kwee-Arhente zemisebenzi [Labour Brokers].
* Ukucinywa kokuhlawulelwa kohola bendlela [Etolls] kwaye kufakwe inkqubo ehlangeneyo yeZothutho loluntu.
* Ukulwa ukuphela kwemisebenzi kunye nokuphungulwa kwabasebenzi.
* Kucunyuzwe zonke iintlalo zobuhlanga nokungcungcuthekiswa kwabantu abaphuma kumazwe angaphandle.
* Ukukhusela iingxoxo ezidityanelweyo zemiba yabasebenzi kunye nelungelo labasebenzi lokunkqankqalaza.
* Umvuzo welizwe osisiseko obhalwe emthethweni, umvuzo ophilisayo.
* Umanyano nokuhlangana.
* Ukwakha iCOSATU ngokutsha, ukubuyela kwimiba esisiseko nengundoqo.
* Ukhuseleko oluphangaleleyo lwentlalo.
* Ukumiselwa kwe-inshorensi yelizwe yempilo (National Health Insurance).
* Ukuvelana nokusebenzisana kwemibutho kwihlabathi liphela.
* Impuculo kwi-UIF.
Iphulo lonyulo loorhulumente basekuhlaleni ngonyaka ka-2016.
Ukanti umongameli weli, uJacob Zuma ekhatshwa nguBlade Nzimande noSdumo Dlamini, uphefumle ngakumbi ngosuku labasebenzi esithi olu suku labasebenzi lusuku lokuhlonipha abasebenzi.
Kubhiyozelwa iminyaka engamashumi amathathu kunye nokhusela iingxoxo ezidityanelweyo zemiba yabasebenzi, imisebenzi kunye namalungelo abasebenzi.
Kubhubhe abantu kwingozi eyenzeke phakathi kweGcuwa neDutywa!