AbaseKapa bangatshaya intsangu emizini yabo

AmaRasta evuyela isigqibo senkundla ephakamileyo yaseNtshona Koloni umfanekiso: Armand Hough

Ziyabetha-bethana izimvo zoluntu malunga nesigqibo senkundla ephakamileyo yeNtshona Koloni sokuba intsangu ingasetyenziswa, ilinywe emakhaya ngabantu abaselungelweni ngokweminyaka.

ULusindiso Mayambela oneminyaka engamashumi amathathu ubudala waseSamora Machel uthi “Andihambisani nokuvunyelwa kwentsangu yenziwe ibesemthethweni kuba izakukhokelela ulutsha lakowethu lutshabalale. Abo bayisebenzisa ngendlela yokuba lichiza akukho ngxaki, kodwa ingxaki kukho abo bazakuyixhaphaza bayisebenzise njengesiyobisi.”

URonel Venter waseBothasig uthi “Ndiyakuvuyela kakhulu ukuba inkundla ephakamileyo yeli phondo leNtshona Koloni ikhululele ukuba isetyenziswe ngokusemthethweni iMarijuana, thina silusapho lwabantu abane endlini sonke siyayitshaya. Umntwana wam yena ndiyisebenzisa kuye njengechiza lesifuba. Oku kuthetha ukuba ngoku asizokuba naxhala lakubanjwa xa siyisebenzisa.”

Ukanti uPhinda Kula oneminyaka engama-34 waseKhayelitsha: “Mna kwelam icala ndiyavuya ukuba side savunyelwa ukuba siyisebenzise emakhaya, mna andiyiboni ngokwesiyobisi koko njengecuba. Intsangu ayinabungozi licuba elisulungekileyo alidingi kuchunyiswa ngekhemikhali, ilichiza yona izikhulela emhlabeni.

Yenza kakuhle kwezoqoqosho – iyalonyusa uqoqosho kwaye ayibulali xa isetyenziswa ngendlela. Ayidingi ukuba umntu abenemali yokuyithenga, uyilima egadini kwa ulwaphulo mthetho lokuphangwa kwabantu ndicinga ukuba lungancipha kuba ayithengwa.”

Uceba wakwa-Ward 96 uDanile Khatshwa uthi: “Ukuba inkundla ibone kufanelekile ukuba yenziwe ibesemthethweni intsangu, ifanele ukuba iyithathele ingqalelo into yokuba eli phondo lelona linqkenkqeza phambili ngeziyobisi, kwanolwaphulo mthetho olubangelwa ziziyobisi, apha asithethi ngesityalo esithi sakuvuthwa sisetyenziswe sisodwa, kodwa sithetha ngesityalo abanye abantu abathi sakuvuthwa basidibanise nezinye iziyobisi ukuqinisekisa ukuba bafikelela kwiqondo abafuna ukufikelela kulo. Lo nto ikhubaza imeko yokukhula kwabantu engqondweni, nemeko yokucinga kwabantu ukuphuhlisa ekuhlaleni. Bendingavumelana naso esi sigqibo ukuba besiza kuncedisana ncakasana nokunyanga izifo ezinganyangekiyo ezithe mbende kweli lizwe. Mna ngokunokwam andivumelani kwaphela nesi sigqibo ngale indlela singayo.”

Inkundla ephakamileyo ithi ipalamente mayenze utshintsho kwisolotya lomthetho ojongene nokuthutyeleziswa kweziyobisi, kwanesolotya lomthetho elilawula ezamachiza. Oku kulandela emva kokuba igqwetha eli liRasta kwimanyano iDagga Party, uGarreth Prince nabanye, basa le nyewe phambi kwenkundla ephakamileyo besithi, intsangu mayisuswe kuluhlu lwezinto emazingasetyenziswa ezibhalwe kwisolotya lomthetho wokuthutyeleziswa kweziyobisi.

Nangona inkundla ikhuphe esi sigqibo, indlu yowiso mthetho kwanenkundla yomgaqo-siseko kusafuneka zithathe izigqibo, kude kube ngoko ke akukabikho semthethweni ukusetyenziswa kwentsangu naphina kweli lizwe loMzantsi Afrika.