AbaseMozambique ababini abaqhwesha kwintolongo yaseMaputo babanjwe eMzantsi Afrika

Abemi ababini baseMozambique abaqhwesha entolongweni babanjwe eMzantsi Afrika.

Abemi ababini baseMozambique ekutyholwa ukuba babeyinxalenye yamabanjwa aqhwesha entolongweni eMaputo eMozambique ngenyanga yoMnga wonyaka ophelileyo, babanjwe eMalalane, eMpumalanga.

Aba barhanelwa babini abaneminyaka engama25 nama33 babanjwe ngamagosa okhuseleko ePolsec emva kokurhanelwa ukuba abanamaphepha okuba babe eMzantsi Afrika ngokusemthethweni, ngokutsho kwesithethi samapolisa aseMpumalanga uBrigadier uDonald Mdhluli.

Kuthiwa kubizwe amapolisa namanye amahlakani afana neSebe lezeKhaya ukuza kujongana nalo mba, emva koko la barhanelwa babini babekwa ityala lokwaphula umthetho we’Immigration Act of South Africa.

“Uphando lokuqala olwenziwa ngamapolisa lubonisa ukuba la madoda mabini kukholelwa ukuba ayinxalenye yeqela elisandul’ ukuqhwesha elugcinweni lwamapolisa eMozambique kwiiveki ezidlulileyo.

“Kwiimeko ezinje, amapolisa asebenzisana namahlakani awohlukeneyo, angaphakathi nangaphandle aquka ubuntlola bolwaphulomthetho, iiHawks, Interpol, neSebe lezoBudlelwane baMazwe ngamazwe neNtsebenziswano (DIRCO),” utshilo uMdhluli.

UMkomishinala obambeleyo wamapolisa eMpumalanga, uMajor General Zeph Mkhwanazi, uncome onke amaziko omthetho aqinisekise ukubanjwa kwaba barhanelwa babini.

Kunyaka ophelileyo kweyoMnga, ngokweengxelo, malunga nama6000 amabanjwa aqhweshayo emva koqhankqalazo olwenzeka eMozambique ngabaqhankqalazi bemibutho ephikisayo benomsindo ngenxa yeziphumo zonyulo. Olu qhankqalazo lunobundlobongela lukwabone iimoto zamapolisa, izikhululo kunye neziseko zophuhliso zoluntu zitshatyalalisiwe.

Aba barhanelwa babini kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala.