Ngabasetyhini ababini ababanjwe ngamapolisa aseGcuwa kwindawo ezahlukeneyo emveni kokubhaqwa beneziyobisi.
Isithethi samapolisa aseGcuwa uKapteni Jackson Manatha uthi, kuqale ngokubanjwa intwazana eneminyaka engama-21 yelokishi yaseBika ngeCawe emveni kokufunyanwa inentsangu exabisa imali engange-R60 000.
Le ntwazana ibanjwe emveni kokuba amapolisa aye ahletyelwa kwaye izakuvela kwinkundla yamatyala eGcuwa kungekudala.
Ukanti kusenjalo kwangeCawe kuye kwabanjwa umama oneminyaka engama-42 kwilokishi yaseZizamele kwaseGcuwa ngokufunyanwa eneziyobisi ezizipilisi zohlobo lweTik kwaye uzakuvela kwinkundla yaseGcuwa kungekudala.
Ngamaziko olwazi kuphela anegunya lokuvelisa ulwazi?