KUDUTYULWE abantu abasibhozo konzakala abathathu ngorhatya langeCawe, KwaZakhele, eGqeberha.
Kuvakala ukuba umninimzi ebebhiyozela usuku lokuzalwa ngethuba kumbonzeleka amadoda amabini angaziwayo athulula ngeembumbulu kwiindwendwe ebezilapho.
Oku kwehle kumzi okwisitalato iMakanda kwilokishi yaKwaZakhele.
Abantu abasixhenxe ( abasetyhini abathathu namadoda amane) babhubhe kwangoko ngethuba abanye abane (abasetyhini ababini namadoda amabini) befumene umonzakalo baze babalekiselwa esibhedlele ukuze bafumane unyango.
“Omnye kumaxhoba ubhubhele esibhedlele, nto leyo elibeka kwisibhozo inani labantu ababhubhileyo. Umninimzi naye ukwabo ababhubhileyo,” kwazisa uCol Priscilla Naidu wamapolisa.
“Amapolisa agqogqa abenzi besi senzo ngelixa kuvulwe nophando. Akukabanjwa mntu okwangoku,” kongeza uNaidu.
Awakabhengezwa amagama abo babhubhileyo nabonzakeleyo.
UMkomishinala wamaPolisa uLt Gen Nomthetheleli Mene usigxeke kabukhali esi senzo, watsho eyalela abecuphi ukuba bakhangele abenzi ngokukhawuleza.
Ukanti uMphathiswa wamaPolisa kuZwelonke, uBheki Cele, kulindeleke atyelele kweli khaya ngale ntsasa.
IPirates ibhale iincwadi zembali ngokutsha eMoses Mabhida Stadium!