Abasixhenxe bagwetywe ubomi ngokutshisa abasetyhini ababini bebatyhola ngobugqwirha

Bagwetywe ubomi entolongweni abantu abasixhenxe abagalela abasetyhini ababini ngepetroli baza babatshisa ngo2018 emva kokuba bebatyhola ngokuthakatha kwilali yaseNgonyameni eMaxesibeni. Bagwetywe yinkundla ephakamileyo yaseMpuma Koloni ehleli eNtabankulu ngoLwesihlanu.

Aba dade babini, uNothethisa Ntshamba noNtombekhaya Ndlanya, babulawa kabuhlungu phambi kwabantwana babo.

Aba batyholwa uLwandiso Mzaza (29), Lufefe Mzaza (28), Zithini Rhayisa (34), Yamkela Nonjojo (31), Odwa Nonjojo (34), Anelisiwe Nonjojo (32) kunye noMkhonzeni Ngcabangcosi (24) bafunyenwe benamatyala amabini okubulala kunye nokutshisa.

Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) eMpuma Koloni, uLuxolo Tyali uthi aba batyholwa babambe iintlanganiso ezimbini ezichotshelwe nguLwandiso Mzaza ngomhla weshumi elinesibini (12) kweyoMnga ngo2018.

“Kukule ndibano apho kwagqitywa kwelokuba amaxhoba mababulawe ngokutshiswa kuba ethakatha. Badibanisa imali bathenga ipetroli yokutshisa aba basetyhini, izindlu zabo neentsapho zabo,” utshilo uTyali.

Kuthiwa kwangobo busuku uNtshamba wayesendlini nomyeni wakhe, abantwana abathathu kunye nodade wabo uNdlanya. Ngokwengxelo kaTyali, ngethuba uNtshamba ekhapha udade wabo emgodusa, bafikelwa leli qela, babethwa, baxulutywa ngamatye, bagalelwa ipetroli emva koko batshiswa.

Kuthiwa emva koko eli qela ligqibe kwelokuba liwutshise umzi wakwaNtshamba lawushiya uluthuthu.

I-NPA ithi abatyholwa bakuphika ukubandakanyeka kwabo kwesi sehlo ngethuba lokuxoxwa kwetyala.

URhayisa wazityand’ igila emapoliseni ngelizama ukuzikhwebula kwabanye, nto leyo ebangele ukuba kuchotshelwe ityala lakhe nalapho inkundla yafumanisa ukuba ubungqina bakhe buyakwamkeleka, nangona wazama ukurhoxisa oko wayekuthethile ngethuba kuxoxwa ityala.

Enkundleni, igqwetha lombuso ophezulu uMbulelo Nyendwa uthe ubundlobongela obujoliswe kumanina atyholwa ngezityholo ezingenasihlahla zobugqwirha abuxhaphakanga eMpuma Koloni kuphela kodwa kwilizwe jikelele.

“UNyendwa woleke ngelithi, abantwana bala makhosikazi abaphelelanga nje ekubhujelweni ngoonina kodwa abanamakhaya, boyikisela ubomi babo kwaye basathwele ibala lokubizwa ngokuba ngabantwana bamagqwirha ngabanye abantu basekuhlaleni,” utshilo uTyali.