‘Abathakathi abantu abadala!’

UNowongile Mkuntuse (104) efunda okubhalwe kwikeyiki

UMphathiswa weSebe lezeMfundo kwiphondo le Mpuma Koloni, uMandla Makupula uthi mabahlonitshwe abantu abadala ngalo lonke ixesha kwaye iphele into yokusoloko betyholwa ngokuthakatha.

UMakuphula ebesipha amaxhego namaxhewukazi ikrisimesi kwiholo lakuGatyane izolo.

UMakupula uthengele oomakhulu namaxhego iingubo emva koko wawatyisa nekeyiki ngenjongo zokuwanqwenelela okuhle kodwa ngosuku lwekrisimesi.

UMbhashe, ingakumbi uGatyane, usoloko usematheni ngenxa yeziganeko ezixhaphakileyo zokudlwengulwa kwabantu abadala.

UMakuphula uthi mayiphele into yokudlwengulwa nokutyholwa ngokuthakatha abantu abadala ekumele ukuba basetyenziswe ukufunxa ulwazi kubo.

Ukwathe into yokutshintsha kwembonakalo yenyama yoomakhulu bashwabane ayithethi ukuthi bayathakatha koko ichaza ukuba bakhulile.

Ngokwesigcwagciso kayavakala ukuba lo msitho wokonwabisa abantu abadala ngeentsuku zika Disemba uzakumane uqhube rhoqo ekupheleni konyaka.

Usodolophu woMasipala waseMbhashe, uSamkelo Janda uthe bayayixhasa kakhulu into yokonwatyiswa kwabantu abadala kuba basoloko bengamaxhoba wokuphathwa kakubi. Umakhulu welali iGosani, uNowongile Mkuntuse, oneminyaka eyi104, uthe into emgcine de wafikelela kwiminyaka akuyo kukutya imifuno kunye nokuzithandela uThixo.