Abathandana besinisinye abafuni kushiyeka kwiSONA

UMBUTHO ongenanto yakwenza norhulumente olwela amalungelo nokukhuseleka kwabo bathandana besinisinye ozibiza Iranti, umemelele uMongameli Cyril Ramaphosa ukuba angabalibali abo beLGBTQIA+ xa esenza intetho yakhe engoBume beSizwe (Sona) ngoLwesine.

OnguMlomo walo mbutho, uNolwazi Tusini, uthi uRamaphosa ngaphambili uyichaphazele imiba enjengokuxhatshazwa ngokwesini, ukubulawa kwamanina, intiyo nokuxhatshazwa kwamalungelo oluntu, ingakumbi kwabo bathandana besinisinye, kodwa esithi oku akwanelanga.

“Simemelela uMongameli ukuba angene nzulu kwimiba ejamelene neLGBTQIA+.

“Sifuna uMongameli abeke amagosa karhulumente neenkonzo zikarhulumente eziza kuqinisekisa ukuba iphela nya into yokubukulwa nokuphatheka kakubi kwabeLGBTQIA+, nanjengoko oko kukuMgaqosiseko,” kutsho uTusini.

Lo kaTusini uthe akukho mthetho wabo baguqule isini (transgender) nabo bangazibizi ngasini sithile (non-binary) wokulungisa isini sabo kwiimpephazazisi zabo, ngaphandle koMthetho ongu49 ovumela abo sele beqalile nonyango lokuguqula izini zabo (transgender) nabanezini eziliqela (intersex) batshintshe izini zabo kwizazisi zabo.

“Akukho mingcipheko yezempilo ngokubanezini eziliqela. Abantwana mabavunyelwe ukuba bazikhethele ngokwabo abafuna ukwenza ngemizimba yabo,” kutsho uTusini.

UTusini uthi bafuna ilizwi labo livakale kwaye bafuna kuthethwe nabo njengenxenye yabemi boMzantsi Afrika.