Abathathu babhubhele kwithaveni yaseMqhekezweni

UMKOMISHINALA wamaPolisa eMpuma Koloni, uNomthetheleli Mene, umemelele ukuba kubanjwe ababulali ababulele abantu abathathu, ze bazama nokubulala amanye amadoda amathathu kwithaveni eseMqhekezweni, kwindawo yakwaPolela eBityi eMthatha kubusuku bayizolo.

Kutyholwa ukuba malunga nentsimbi yesixhenxe ngorhatya lwayizolo, aba babuleweyo bebeziselela kwiveranda yethaveni yale ndawo ngethuba kusithi dyulukudu amadoda amathathu.

UColonel Priscilla Naidu wamapolisa uthi owokuqala obuleweyo, onama26 eminyaka ubudala nobezihlelele kule veranda udutyulwe izihlandlo eziliqela ngelixa abanye beyalelwe ukuba balale phantsi.

“Abarhanelwa emva koku baye bangena ngaphakathi baze babulala abanye abantu ababini, onama31 nonama41 eminyaka ubudala.

Abanye abantu abathathu, abakwiminyaka engama23 ukuya kuma29 ubudala baye bafumana umonzakalo wokudutyulwa baze babalekiselwa esibhedlele ukuze bafumane unyango,” kubika uCol Naidu.

UCol Naidu uthi unobangela wokudutyulwa kwaba bantu awukaziwa kwaye nabarhanelwa abaziwa.

Amapolisa aseBityi avule amatyala amathathu okubulala kwakunye namathathu okuzama ukubulala.

Amapolisa akwacele nabani na onokuba nolwazi ngabarhanelwa ukuba atsalele amapolisa aseBityi, D/Capt Mluleki Ngqeleni kwa: 072 730 7381 okanye uD/Sgt Bonginkosi Madikazi kwa: 082 442 0585 okanye uCrime Stop kwa: 08600 10111 kungenjalo bachaze kwisikhululo samapolisa esikufutshane. Ulwazi olo lwakuthathwa njengoluyimfihlo.

Lt Gen Mene ucele uluntu ukuba lube ngamehlo neendlebe zamapolisa ukuze kubanjwe abarhanelwa.