Abathathu bafunyenwe bedutyulwe betshisiwe eDelft

Amapolisa aphanda iimeko ezikhokelele ekubhubheni kwabantu abathathu emva kokuba bebhaqwe bedutyulwe batshiswa eGushendoda, eDelft, eKapa.

Amapolisa akholelwa ukuba esi sehlo sisenzo sokuthathela umthetho ezandleni. Ngokwengxelo, izithonga zivakale ngentseni yangoLwesibini.

Imizimba emibini kule mizimba yeyamadoda kwaye owesithathu kukholelwa ukuba ngowasetyhini, nanjengoko kuseza kuqinisekiswa, ngokutsho kwesithethi samapolisa uColonel Andrè Traut.

UTraut uqhube wathi akukacaci ukuba yintoni ekhokelele ekubulaweni kwaba bantu kwaye abarhanelwa abakabanjwa.

Nawuphi na umntu onokunceda kweli tyala uyacelwa ukuba afowunele iCrime Stop kule nombolo 08600 10111 okanye asebenzise iapp yeMySAPS.