AbaThembu bashiyeke bebambe ongezantsi kubekwa uAzenathi

UNkosana Azenathi Dalindyebo uthe wabekwa njengebambela-kumkani eBumbane

IINKOSI zabaThembu ezithe zakhokela umsitho wokubekwa kukaNkosana Azenathi Dalindyebo njengebambela-kumkani zithi ukubhubha kukaNkosi Daludumo Mtirara kuzishiye zibambe ongezantsi.

UNkosi Daludumo ebeyinxalenye yeqela labaThembu elichasene nokubekwa kukaNkosana Azenathi Dalindyebo njengebambela-kumkani. UNkosi Daludumo kuvakala ukuba ubhubhele ePitoli kwinto ekurhaneleka njengokuzibulala.

Umphanga kaNkosi Daludumo uvakele ngoLwesihlanu, usuku apho abaThembu bebebuthelene eBumbane bezokubeka uNkosana Azenathi kwisikhundla sikayise uKumkani Buyelekhaya Zwelibanzi Dalindyebo odontsa iminyaka elishumi elinesibini kwintolongo yaseMonti.

AbaThembu bakwasebenzise lo msitho ukusungula ngokusesikweni iphulo lokumemelela ukukhululwa ejele kukaKumkani Zwelibanzi.

Njengophawu lokuba uNkosana Azenathi libambela-kumkani, iinkosi ezimbini uNkosi Zwelinzima Mthembu noNkosi Zwelenqaba Mgudlwa zithe zamombathisa isikhumba sehlosi unyana kaKumkani Zwelibanzi.

Emva koko kuye kwayiyizelwa; abaThembu bebonakalisa uchulumanco. Apho bekuquka inkosikazi kaNkosana Azenathi u-Usikhumbulile Dalindyebo kwanomama weli bambela-kumkani uNoCollege Dalindyebo.

Kodwa phambi kokuba uqale umsitho, abaThembu bathe banika imbeko kuNkosi Daludumo Mtirara.

UMgudlwa uthe: “UNkosi Daludumo lilungu losapho lakowethu. Siziva sibuhlungu ngokubhubha kwakhe futhi singathanda ukudlulisa amazwi ovelwano kubantwana nakwinkosikazi yakhe.”

Noxa nje uNkosi Zwelodumo Mtirara utsho kaliqela ukuba ebemenyiwe urhulumente kwanezinye izindlu zabaThembu kulo msitho kaNkosana Azenathi, izindlu zabaThembu eziquka eyakwaMatanzima nakwaMandela khange zibonakale. Inkulumbuso yaseMpuma Koloni uPhumulo Masualle ebefakiwe kuluhlu lezithethi, kodwa naye ebengekho.

UMgudlwa ukwathe bebememe nkqu noMongameli Jacob Zuma. “Iyasidanisa into yokuphoxwa ngurhulumente okhokelwa yiANC,” utshilo uMgudlwa.

Kusenjalo, umninawa kaKumkani Zwelibanzi uNkosana Jongisizwe Dalindyebo ebengeyonxalenye yokubekwa kukaNkosana Azenathi. UNkosana Jongisizwe uphakanyiswe lelinye iqela leenkosi zabaThembu njengebambela-kumkani.

Umphathiswa wemicimbi yemveli eMpuma Koloni uFikile Xasa, obengeyonxalenye nomsitho waseBumbane, udlulise amazwi ovelwano kukaNkosi Daludumo.