Abathunywa bagxeka ulibaziseko kwinkomfa yeANC

UOscar Mabuyane noPhumulo Masualle kwiNkomfa yePhondo yesibhozo ye-ANC eMonti


Noxa nje ibisele ibethile intsimbi yeshumi elinanye ngokuhlwa kwangoLwesine, abathunywa beANC abaze kwinkomfa yalo mbutho yokonyula iinkokeli zephondo, bebesangungelene phambi kwase-Orient Theatre eMonti ngenxa yolibaziseko lobhaliso.


Ngokwemiqathango inkomfa asokuze iqale kungagqitywanga ukubhaliswa kwabathunywa. Olu lubaziseko, ngokokutsho kukasihlalo weANC eMpuma Koloni uPhumulo Masualle, lubangelwe zizibheno ezivuke kwiinkokeli zabanye babathunywa abahlelelwe ukuthabatha inxaxheba kule nkomfa.


Phambi kwase-Orient Theatre, apho inkqubo yobhaliso iqhubela khona, abathunywa bebevuma amagwijo ahambisana nabagqatswa ababaxhasayo.


Umthunywa waseAmathole, ocele ukuba lingakhankanywa igama lakhe, uxelele I’solezwe esithi: “Sifike apha sahlala nje singayazi nokuba kwenzeka ntoni. Into esiyinqwenelayo kukuba sive ilizwi elithi singayolala nini ukuze sivuke ekuseni (ngoLwesihlanu) sizokubhalisa kwakhona.”


Omnye umthunywa, kwaseAmathole, uthe: “Ndixelele ke ukuba xa sihleli apha singalali, sakuqhuba inkomfa sinjani emizimbeni ngoLwesihlanu? Noko le yinto ebifanele ukuba ilungiswe ngendlela.”


Ethetha noonondaba malunga nalo mba wolibaziseko, uMasualle uthi umnqweno wabo ibikukuba bonke abathunywa bamasebe balifumane ithuba lokuthabatha inxaxheba kwinkomfa. Kwindibano yesigqeba sephondo seANC, enye yezinto ebezixoxwa zizikhalazo zobume bamanye kumasebe ahlelelwe ukuthabatha inxaxheba kule nkomfa. Oku kwenzeka nangona nje amasebe ayenikwe de yangumhla weshumi kule nyanga, ukuze kulungiswe ezo zinto ziziziphene.


Kodwa ke umbutho weANC unxaxhile, ngokokutsho kukaMasualle, ngoko ke “akululanga ukonelisa wonke ubani”.


“Ewe umthetho womgaqo-siseko wombutho othi inkomfa ingahlala kuphela xa sele ifumene umlinganiselo wamashumi asixhenxe ekhulwini (70%), kodwa umnqweno wethu ibikukunika ithuba bonke abathunywa bamasebe kodwa kuyabonakala ukuba siwe nganeno apho,” utshilo uMasualle.


UMasualle uthi akumakhulu amahlanu anamashumi amathandathu anesibhozo (568) amasebe asele eqinisekiswe njengalawo azakuthabatha inxaxheba kule nkomfa, kulawo akumakhulu asixhenxe ananye (701).


Owona mdla kule nkomfa, ekulindeleke ukuba iqale ngoLwesihlanu ze iphethulwe ngeCawe, ngunomji kwisikhundla sikasihlalo phakathi kukaNkulumbuso Masualle nonobhala wephondo uOscar Mabuyane.