Abatsha kwezoShishino

Sikhe sathi sihleli kwindibano yoosomashishini baseMpuma Koloni, ngokuququzelelwe ngabebhanki yakwaABSA, eMonti, sava amaxhego amabini esithi “Uyabona!? Sisebenza nabantwana kwezoshishino! Ngabantwana maan aba!” bebhekisa kwinginginya yabantu esinokuqikelela ukuba iminyaka yabo iphaya kwengamashumi amane mntu ngamnye.

Kudala ke sizimasa iinkqubo zoosomashishini apha ephondweni kwaye siye sifumanise ukuba uninzi oluzayo iba ngabantu ‘abadala’ okanye ngamaxhego ekudala ekwezoshishino.

Kanti xa usiya kwimicimbi ekumila kunje eNtshona Koloni uye ufumanise ukuba kugcwala ulutsha.

Luphi na ulutsha lwaseMpuma Koloni kwezi ndibano zokuphuhlisa izakhono zoosomashishini abatsha?

Ingaba baxinge kumqeshi? Bakumagumbi emfundo ephakamileyo, benza isidanga sesithathu? Impendulo yalo mbuzo inzulu kakhulu kwaye ifuna ukulandwa kwindlela esikhuliswa ngayo singabantsundu.

Sikhuliswa ngamazwi aye athi imfundo ibalulekile; ivula iminyango kwaye ikulungiselela ingqesho. Ingxaki ke ngemfundo kweli, yeyokuba ayibalungiseleli ncam abantu ukuba bakwazi ukuphuma esikolweni bangene kwezoshishino.

Kuphinde kubekho nomngeni weelwimi ekufundiswa ngazo kwezi zikolo. Ukuba ufundiswa ngesiNgesi, kuye kucingwe ukuba abo bantwana bakuba namathuba abhetele kwezengqesho nezoshishino.

Kanti ayihambi njalo. Thina, siliphepha lesiXhosa sikhuthaza inguqu kwezemfundo apho abantwana bafundiswa ngeelwimi zabo zesiNtu ukuze bakwazi ukuqonda ezi zinto bazifundiswayo.

Bangazinkqayi. Xa efundiswe ngesiXhosa, waze wawubamba umxholo wezibalo, nzululwazi, njalo njalo unamathuba abhetele okuntinga.

Umntu angasenza nesiNgesi njengolwimi lwesibini. Xa sinabantu abafunde kakuhle, ngolwimi lwabo lwenkobe, siye sibone ukuzithemba.

Bakutsho bakwazi nokuphuma esikolweni baziqalele amashishini wabo ngolwazi lwezinto abazifundisiweyo esikolweni.

Kufuneka sifikelele kwinqanaba lokuba umntu akwazi ukusebenzisa ezi zinto azifunde esikolweni njengesixhobo sokuzingenela kwezoshishino.